Kumabanjwa amabini ebeqhweshe emva kwentsimbi yesithathu emini kwibala lokudlala kwijele yaseNgqeleni ngoSuku lweNkululeko, elinye kuwo uSiyabulela Khohliso ubhaqwe eLibode, elesibini, uAthini Nothi Mzingelwa akakabhaqwa usakhangelwa.
Ngokwengxelo edizwe nguMkomishinala weSebe loLuleko kuzwelonke uMakgothi Thobakgale nobetyelele kule jele yaseNgqeleni ngoMvulo kule veki, uthi ukwanqumamise amagosa alishumi (10) ebekhona ngoLwesine ngethuba kuqhwesha esi sibini.
Omabini la mabanjwa ebechitha izigwebo zawo zokudlwengula, uKhohliso ebegwetywe iminyaka elishumi engaphakathi ngezenzo zokudlwengula. UMzingelwa ebegwetywe iminyaka esibhozo engaphakathi ngetyala lokudlwengula.
UThobakgale uthi sele bezithumele iileta kumakhaya amaxhoba besaziswa ngokuqhwesha kwala mabanjwa.
Uphando luyaqhuba, kukwalindeleku ukuba abanjwe noMzingelwa kungekudala. Kubongozwa uluntu ekubeni lutsalele amapolisa akufutshane xa lubona uMzingelwa.
Isiganeko esikumila kunje asiqaleki eMpuma Koloni, ekupheleni konyaka ka2022 kuqhweshe amabanjwa asibhozo kwintolongo yaseMakhanda.
Nangona kunjalo, uThobakgale uthi kwiminyaka emithathu edlulileyo noko inani lokuqhwesha kwamabanjwa lehlile eMzantsi Afrika, okuthetha ukuba benza kakuhle beleli Sebe ngokokutsho kwakhe.
Amabhokobhoko ebethe iNew Zealand kwaqina ubunganga bawo embhoxweni wehlabathi