Izakuvela kwiNkundla zamaTyala eMonti kungekudala indoda (47), ebhaqwe ineziyobisi ezixabisa izigidi ezibini zeerandi (2 million), kwikhaya layo eliseBuffalo Flats, eMonti.
Ngokwengxelo ephuma kumaPolisa aseMpuma Koloni ithi, amalungu ogcino cwangco esidlangalaleni aseMonti afumene ulwazi ngamntu uthile lokuba kunendlu eshishina ngokuthengisa iziyobisi eBuffalo Flats.
Ingxelo iqhuba ithi iPublic Order Policing ingqale ngqo kule ndlu kusasa ngoLwesithathu ekuzeni kusa, ukuya kusabela kule ngxelo, nafike athetha nale ndoda emva koko acela ukugqogqa indlu yonke ngaphakathi.
UCaptain Hazel Mqala uthi, ekugqogqeni kuye kwafunyanwa iziyobisi (mandrax), zikwi ‘washing basket’ into ehlala iimpahla ezimdaka nezixabisa izigidi ezibini zeerandi.
Le ndoda ibanjiwe, kwaye kulindeleke ukuba ivele eMonti kungekudala malunga netyala lokufunyanwa kwayo ineziyobisi.
UMkomishinala wesiThili saseMonti uMajor General Christopher Wright, uyincomile imigudu eyenziwe ngabahlali eyokulwa iziyobisi ekuhlaleni kwanokuhlebela amaPolisa ngesi senzo.
UWright ukwabongoze abahlali bahlale bethe gqolo ukusebenzisana namaPolisa.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike