Kubhaqwe umzimba ubotshelelwe ngamatye kuTsolo

Kufunyenwe umzimba wendoda kumlambo iTsitsa kude kufuphi nakuTsolo ubotshelelwe izandla ngasemva, wakugqiba wabelekiswa ibhegi egcwele qhu ngamatye.

Lo mzimba ufunyenwe ngoMvulo emini ziindadi zamapolisa aseMonti kwakunye naseMthatha.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa ala mmandla uKapteni Dineo Koena, iindadi zisabele ikhwelo emva kokuba amapolisa ala mmandla ethe ahletyelwa ukuba kukho amadoda amabini abethwe akugqiba ajwilwa emanzini kumlambo waseMbokothwana kwilali yakuGomeni kuTsolo.

Kolu gqogqo kufunyenwe umzimba wamnye walowo ebebelekiswe amatye emqolo. UKoena uthi owesibini umzimba wendoda ongafunyenwanga, aza kuqhubekeka kwakhona amapolisa ewukhangela de ufumaneke.

Uthi owona nobangela wokubulawa kwamaxhoba awukacaci kwaye akukabanjwa mntu. Ityala lokubulala livuliwe ngamapolisa aseMthatha.

Amapolisa ayabongoza ukuba onokuthi abenolwazi malunga noku, atsalele amapolisa akuTsolo, acele uCol Homoyi.

“Siyawulwa kwaye siwukhabela kude umkhwa wokuqhubeka abahlali bezithathela ngokwabo ezandleni umthetho. Sifuna ukulumkisa bonke abo babandakanyekayo okokuba siza kubabamba,” lawo ngamazwi adizwe ngobambele njengeNkumanda eMthatha uBrigadier Nomawethu Makonza.