Kubhaqwe usana lunyengeziwe kwaye luphila!

Umfanekiso wosana olucholweyo UMFANEKISO : SAPS

Kubhaqwe usana lunyengeziwe kwaye luphila!

KUBHAQWE usana oluqikelelwa ukuba luneenyanga ezimbini kuphela luzelwe kwihlathi lase-Elliot.

Ngokwengxelo ephuma kuKapteni Roelofse wamapolisa ala mmandla, olu sana lubhaqwe ngumntu ebezihambela ngendlela emva kokuba esithi uye weva isikhalo sosana phakathi kwemithi, xa eyokukroba wafika ilusana luhleli lodwa.

Lo uziboneleyo ubize amapolisa emva koko usana lathathwa lasiwa kwisibhedlele apho lusagcinwe khona.
Amapolisa ajongene necandelo lokhuseleko labantwana, uxhatshazo ngezesondo kwakunye nobundlobongela emakhaya avule ityala malunga noku.
Usana olu lubhaqwe ngeCawa umhla wesibini kule nyanga.
Kubongozwa onokuthi abe nolwazi ngosapho losana okanye umama walo atsalele uKapteni MD Gwarube ku 045-931 2669 okanye ku072 580 0975.