Kubhaqwe usana olubomvu emgqomeni eGcuwa

Umgqomo ekubhaqwe kuwo imveku ebomvu eGcuwa

Ngentseni
yanamhlanje eGcuwa kubhaqwe usana olubomvu kumgqomo wokulahla inkunkuma ozinze
cebukuhle neButterworth Hospital.

Olu
sana lubhaqwe yindoda ephazamisekileyo engqondweni ngexesha ibikhangela into
esiwa phantsi kwempumlo, kulo mgqomo ubugcwele uphuphuma yinkunkuma.

Le
ndoda iye yabaleka yayokuxelela amapolisa esikhululo saseGcuwa ngolu sana.

Afike
athi xa enqika umgqomo lowo usecaleni kwendlela eya esibhedlele,  ahlangabezana
nevumba lelo sana ekubonakala ukuba besele lineentsuku eziqikelelwa kwezine
okanye ezintlanu lilalihlwe kuwo.

Amapolisa
alifumene olu sana livele ngentloko kumalaphu amhlophe ebegcwele igazi,
ekubonakala ukuba sikhutshiwe isisu.

Ngokwendlela
ebelibonakala ngayo olusana, inokuba besele ligqibe iinyanga ezintandathu
uyokuma kwezisixhenxe lisesuswini kumama walo, k
uba  amalungu walo omzimba ebesele ebonakala ukuba
ngawomntu ogqibeleleyo, njengoko intloko ibeneenwele, iingalo zibonakala, iminwe kunye nezinye iindawo.

Abahlali
abagxamesa kwiiflethi ezijamelene nalo mgqomo, bathi bebecinga ukuba yinyama elahliweyo lena inukayo.

Omnye
umhlali ongavumanga kuchazwe igama lakhe, uthe ukhona umntu abamkrokrelayo
kwesi siganeko, kuba ebezithwele kodwa babona ngesisu sesingabonakali.

“Ndibawela
amapolisa khe azokuphanda kwezi flethi, kuba ukhona thina umntu esimkrokrelayo
esimbone sele engenasisu,” utshilo.

Uthe
bazimisele ukusebenzisana namapolisa ukuze kufunyanwe lo mntu ulahle umntwana
kulo mgqomo ungekudanga kubo.

Ukanti
abahlali bakwagxeke noMasipala waseMnquma ngokurhuqa unyawo ekuthutheni
inkunkuma edolophini, kuba bathi ukuba inkunkuma ibithathwa ngexesha
elifanelekileyo ngowubhaqwe umzimba wolu sana ungekanuki.

Emva
kokuba kubhaqwe olu sana, siqhagamshelene nesithethi samapolisa aseGcuwa,
uKhapteni Jackson Manatha, ngeenjongo zokwazi ukuba likhona ityala elivuliweyo kwisini na,
kodwa ngelishwa simfune ekumsitho wokunikezelwa ngezithuthi zamapolisa
eBhisho.

Ngexesha
kushicilelwa eli nqaku, ebengekaqinisekisi ukuba livuliwe ityala okanye
alivulwanga.