Kubhatalwa iiR350 kwakhona

ABAXHAMLI bemali esisibonelelo sikarhulumente seCovid-19 baza kuzifumana iimali zabo kwakhona kule nyanga kaJuni, oku kuvakaliswe yiArhente yoKhuseleko lweNtlalo (SASSA).

AbakwaSASSA bathi baza kuqhubeka bebhatala zonke iimali abasilele kuzo kuTshazimpuzi noCanzibe zakube iinkcukacha zebhanka zabaxhamli zithe zaqinisekiswa.

“Ezi ntlawulo azizokuphuma ngaxeshanye, kodwa ziza kubhatalwa nyanga nenyanga. Akukho bani uya kufumana imali ephindwaphindiweyo,” kutsho uSassa kwingxelo ekhutshwe ngoMvulo.

Kwiveki ephelileyo, imibutho yoluntu equka i#PayTheGrants ikhalaze ngelithi izigidi zabantu abahluphekileyo abayifumenanga imali yabo yesibonelelo seR350 phakathi kwenyanga kaTshazimpuzi noCanzibe nto leyo ishiye amakhaya amaninzi ikati ilele eziko.

“Okona kusothusileyo kwezi ntsuku zigqithileyo kokokuba akekho namnye umntu obekhe wayifumana imali yakhe yeR350 kuTshazimpuzi noCanzibe 2022. Le yingxubakaxaka nehlazo,” kutsho i#PayTheGrants.