Kubhubhe abafundi abahlanu ngenjikalanga yangoLwesithathu emva kokuba ibhasi abebekhwele kuyo ingqubene nololiwe. Umfundi wesithandathu ubhubhele esibhedlele. Le bhasi ibinabafundi abamalunga namashumi amathathu (30).
Le ngozi yenzeke kwindlela uR104 kufutshane nelali yaseMafube, phakathi kweWonderfontein neArnot eMpumalanga.
Kutyholwa ukuba le bhasi iwele isiporo sikaloliwe ngelixa uloliwe ebekufutshane.
Iingxelo zokuqala zidize ukuba ngabafundi abalishumi elinanye (11) abonzakele kakhulu, ngelixa abafundi abalithoba (9), umqhubi webhasi kunye nomsebenzi kaloliwe bonzakele kancinci.
UMphathiswa wezoKhuseleko noNxibelelwano eMpumalanga uJackie Macie umemelele uphando olunzulu ngale ngozi. Uthe umthetho mawudlale indima yawo ukohlwaya nabani na ofunyenwe enetyala.
“Asinakuphulukana nobomi obutsha nobumsulwa kanje ngenxa yokungakhathali. Abantu kufuneka bathathe uxanduva ngezenzo zabo zokungakhathali.
“Abanini bezithuthi zabafundi kunye nezithuthi zikawonke-wonke kufuneka bahlole abaqhubi ngaphambi kokuba babaqeshe ukuze bazi ukuba bakulungele na ukuthenjwa ngabantu abathuthayo. Kufuneka babafundise rhoqo, babavavanye kwaye babaqeqeshe ukuze bathintele izehlo ezinje,” utshilo uMacie.
UNdlozi ubhengezwe njengomsasazi omtsha wePower FM