Bahlanu (5) abantu ababhubhileyo, ze abalishumi elinesithathu (13) bonzakala ngokumasikizi nekuquka umqhubi weQuantum kwingozi yemoto eyenzeke kusasa ngoMvulo kwindlela uN9 eMpuma Koloni.
Ingxelo ephuma kwiSebe lezoThutho noKhuseleko eMpuma Koloni ithi le ngozi yenzeke ngezithuba zentsimbi yesine ekuseni ngethuba iQuantum ebisuka eNtshona Koloni ingquzulana neRenault SUV kwindlela uN9 phakathi kweRhafu neAberdeen.
Ingxelo ithi iRenault SUV ibikhwele abantu abane (4) nebingabantu ababhinqileyo bodwa, omnye yintwazana eneminyaka eyi11, nabhubhe kwangoko kwindawo leyo yexhwayelo, lo gama owesine iyintwazana eselula kakhulu ngokweminyaka nethe yona yabhubhela kwisibhedlele iGraaff Reinet Hospital.
Kwabalishumi elinesithathu (13) abathe bonzakala, babini abonzakele ngokumasikizi, sithetha nje bonke bafumana unyango eGraaff Reinet Hospital.
Isithethi soMphathiswa uMakhaya Komisa uthi umqhubi weQuantum ukwabo balwela ubomi babo eGraaff Reinet Hospital. UKomisa uthi owona nobangela wale ngozi awukaziwa Iqwakuqwaku livuliwe ukuze kwenziwe uphando.
UMphathiswa uXolile Nqatha udlulise amazwi ovelwano kwiintsapho ezithe zaphulukana nezihlobo, ekwanqwenelela impilo ekhawulezileyo kwabo balwela ubomi babo.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro