Kubhubhe abakhwetha ababini eMpuma Koloni, kwiiveki nje ezimbini ukususela oko kuvulwe ngokusesikweni ixesha lolwaluko lwasebusika kweli phondo. Aba bakhwetha ngabaseSajonisi naseNgqeleni kwaye kuthiwa bebekwizikolo zolwaluko zomgunyathi.
Isithethi seContralesa eMpuma Koloni, uZolani Mkiva, ukungqinile ukubhubha kwaba bakhwetha.
“Ndingaqinisekisa ukuba babini abakhwetha abangasekhoyo. Omnye umkhwetha useSajonisi, kwaye ebekwisikolo sokwaluka somgunyathi. Ingcibi kunye nabagcini ababini ababandakanyekayo sele bebanjiwe.
“Omnye umkhwetha ngowaseNgqeleni, naye ebephuma kwesinye isikolo somgunyathi sokwaluka. Abo babandakanyekayo kwesi sehlo abakabanjwa,” utshilo uMkiva.
Uvakalise unxunguphalo lwabo kukuva ngokubhubha kwabakhwetha njengokuba kuqala ixesha lokwaluka lwasebusika, uthi oku kwenzeke nangona bethathe amanyathelo afanelekileyo okunqanda ukuba zingenzeki iziganeko ezinje.
UMkiva ukwamemelele uluntu ukuba lubancede kuba abanakubakho ndawo zonke. “Abantu basebenza kwiikona ezimnyama, basebenzisa iindawo ezifihlakeleyo ukuseka ezi zikolo zokwaluka zomgunyathi.”
Uthi xa bexelelwa ngomkhwetha osuka kwisikolo sokwaluka somgunyathi okwimeko emaxongo, uziswa ngaphambili evela kwindawo ethile esebenza ngokungekho mthethweni. Uhambisa athi, amaxesha amaninzi kuxa bephelelwe lixesha lokwenza nantoni na.
Omnye wabakhwetha ababhubhileyo kuthiwa ubhubhe ngenxa yokuphelelwa ngamanzi emzimbeni, logama kulandelwa unobangela wokubhubha kowesibini.
Ethetha ngezi zikolo zokwaluka zomgunyathi nendlela ezinokunqandwa ngayo, uMkiva uthe: “Kufuneka kubekho iphulo elibukhali lokuqinisekisa ukuba kukho ulwazi nemfundo ejoliswe kuluntu. Kwelinye icala, amapolisa kufuneka abonakale.”
Bamalunga namashumi amabini (20) abakhwetha abathe babhubha kunyaka ophelileyo ngexesha lokwaluka ebusika.
UNdlozi ubhengezwe njengomsasazi omtsha wePower FM