Kubhubhe abakhwetha abathathu eLimpopo

Kubhubhe abakhwetha abathathu eLimpopo.

Ingxaki yokubhubha kwabakhwetha ibikade iyingxaki eyaziwa ukuba ihlasela kuphela iphondo leMpuma Koloni.

Kubhubhe abakhwetha abathathu kwiphondo laseLimpopo ukusukela oko kuqale ixesha lokwaluka lasebusika.

Ingxelo ithi aba bantwana babhubhe kumaziko ahlukeneyo okwalusa.

Imbali ithi isiko lokwaluka lelinye lamasiko amadala kubantu baseAfrika, kwaye libaluleke kakhulu ukwahlula indoda kwinkwenkwe.

Kwaba bakhwetha, umkhwetha omnye ubhubhe eGa-Wale eTzaneen, logama abanye ababini babhubhe eGa-Raphahlelo kwingingqi yaseSekgosese.

Lo nto ibeka inani labakhwetha ababhubhileyo kuzwelonke liyokutsho kwisixhenxe xa udibanisa abane ababhubhe eMpuma Koloni.

Kukho iingxelo zokuba kwaseLimpopo kubhubhe ikhankatha ngenxa yokubethwa emva kokuba kuvumbuluke umlo kwiziko lokwalusa eSekgosese. Indoda eminyaka engamashumi amathathu anesihlanu ibhubhe ngenxa yokubethwa ngoogxa bayo emva kokungavani ngomcimbi othile.

Othethe egameni lamapolisa aseLimpopo, uColonel Malesela Ledwaba ukuqinisekisile ukubhubha kwendoda ebakhwetheni.

“Kuyabonakala ukuba kuye kwabakho ukungavani phakathi kwamadoda agcina abakhwetha, le ndoda ibhubhileyo ibethwe ngesixhobo esibuthuntu entlo yabhubha ngoko nangoko,” kutsho uLedwaba.

Ngenxa yesiganeko sokubhubha kwabakhwetha abane eMpuma Koloni, iNkulumbuso yeMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, umemelele ukunyanzeliswa komthetho ukuze kubanjwe abo bophula umthetho kweli siko.