Kubhubhe abalishumi elinesine kwingozi emasikizi eRhafu

Ingozi emasikizi eyenzeke eRhafu, eMpuma Koloni, nesube imiphefumlo elishumi elinesine. Umfanekiso: ECDoT

Kubhubhe abantu abalishumi elinesine (14) kwingozi emasikizi eyenzeke ekuzeni kusa ngoMvulo, apho kungquzulene iQuantam kwakunye neHyundai Cresta (SUV).

Le ngozi yenzeke kwindlela uN9 ngaphandle kwaseRhafu. Le SUV ibisuka eMiddleburg ngethuba igaxeleka kule ngozi.

Ngokwengxelo yeSebe lezoThutho eMpuma Koloni, ithi, iSUV ibinabantu abathandathu (6) nababhubhe bonke kwindawo leyo yexhwayelo.

KwiQuantam kubhubhe abayi8 njengoko lonyukile inani ngokokutsho kweSebe, nebilayishe abantu abasuka eKapa.

Ingozi emasikizi eyenzeke eRhafu, eMpuma Koloni, nesube imiphefumlo elishumi elinesine. Umfanekiso: ECDoT

UMakhaya Komisa nosisithethi soMphathiswa wezoThutho eMpuma Koloni uthi abalishumi elinanye (11) abonzakeleyo babalekiselwe kwisibhedlele esikufutshane nabafumana unyango.

Unobangela wongquzulwano lwezi moto awukaziwa nanjengoko kuqhutywa nophando.

UMphathiswa wezoThutho eMpuma Koloni, uXolile Nqatha, uvakalise amazwi ovelwano ngesi sehlo ekwathumela amazwi ovelwano kwiintsapho zabo babhubhe kule ngozi. UNqatha ukwanqwenelele abo bafumana unyango esibhedlele impilo ekhawulezileyo.

UNqatha ubongoza abaqhubi ekubeni baqhube ngenkathalo ezindleleni.

Sithetha nje abenkonzo zohlangulo basekwindawo yexhwayelo.