Kubhubhe abathathu ezinzulwini zobusuku kwingozi eMonti.
Bathathu (3) abantu ababhubhe ekuzeni kusa namhlanje, uLwesithathu, emva kwengozi eyenzeke kwindawo yaseAmalinda, eMonti.
Le ngozi neyenzeke ngecala ibethile intsimbi yokuqala ezinzulwini zobusuku, ibiseAmalinda Road phakathi kwesibhedlele saseFrere kwakunye neerobhothi zaseAmalinda Road ezisuka ngakumbindi wedolophu yaseMonti.
Ngokwengxelo yesithethi sezoThutho noKhuseleko, u-Unathi Binqose, ithi, le ngozi ibiphakhathi kweemoto ezimbini – imoto yohlobo lweToyota Corolla nebilayishe abantu abane (4) kwakunye neBakkie (Nissan Navara) ebilayishe abantu ababini (2).
UBinqose uthi aba babhubhileyo bebegoduka bebuya emsebenzini nabebephangela kolunye loodederhu lweevenkile edolophini eMonti.
UBinqose uthi, ababhubhileyo ngamadoda amabini kwakunye nenkosikazi enye – bona bebekwiToyota Corolla, logama umqhubi yena esindile nofumene nje imikrwelwana.
Isibini ebesikwiBakkie, ibingamadoda amabini, nawo asindileyo afumana imikrwelawano yogruzuka.
Iqwakuqwaku lokubulala livuliwe ngamaPolisa, uphando luyaqhuba.
UMakhaya Ntini uthi ukulungele ukuncedisa kwiKFC Mini-Cricket