Abahlali belali yaseMarikana, eShoxa, kuQoboqobo – bavukele kwisehlo sokukhubha koonqevu abane (4) ze konzakala wamnye (1) ngethuba kukho udubulwano kumzi othile phakathi kwabo namaPolisa aseMpuma Koloni.
Ngokwengxelo ephuma kuLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa ithi amaPolisa akwicandelo leTRT, eMdantsane, eMonti, alandelele ngqo umkhondo ngabarhanelwa eMarikana abanemipu engekho semthethweni.
UMawisa uthi ekufikeni kwayo iTRT kulo mzi isokole ukungena ngaphakathi ngenxa yokuba umzi lo ubiyelwe ukuya phezulu akutsibeki lula. Ingxelo ithi ngethuba isazama ukungena iTRT, abarhanelwa bona bebezama ukubaleka kwindawo engasemva, kodwa abakwazi nekulapho baziphindisele ngokudubula amaPolisa.
Kolu ngquzulwano, kubhubhe isine (4) sabarhanelwa konzakala wamnye (1) nosiwe kwisibhedlele esikufutshane apho alwela ubomi bakhe khona.
Abarhanelwa nabangasekhoyo benephakathi kwamashumi amabini anethoba ubudala (29) ukuya kumashumi amane (40) kwaye bayaziwa koko asagciniwe amagama abo kuba kusekutsha.
Umrhanelwa osindileyo (38) usesibhedlele phantsi kweliso elibukhali lamaPolisa. Akukho Polisa elonzakeleyo kwisehlo sakuQoboqobo.
UMawisa uthi kulomzi kufunyenwe imipu, iToyota Hilux kwakunye neCorsa nekurhaneleka ukuba zibiwe.
ULt General Nomthetheleli Mene uqwhabele izandla iqela leTactical Response Team (TRT) ngomsebenzi abase Zille ngenyawo yanamhlanje uLwesithathu.
Lumka Oliphant: ‘Yekani utywala’