Kubhubhe abathandathu kwaduka abalishumi emva kwezikhukula eLadysmith

Abahlanguli ngelixa bekhangela abantu abalahlekileyo. UMFANEKISO: IPSS S&R

Abantu abathandathu babhubhile kwaze kwalahleka abantu abalishumi kulandela izikhukula ezihlasele iLadysmith KwaZulu-Natal kusuku oluphambi kweKrisimesi.

Izandyondyo zemvula ebezinetha ngomhla wamashumi amabini anesine (24) kweyoMnga zibangele ukuba umlambo iBellspruit, ohamba phantsi kwebhulorho yaseMbonontathu, ugqabhuke iindonga zawo, nto leyo ebangele ukuba amanzi aphuphume kuhola wendlela uN11 kufutshane neerobhothi zaseLimit Hill kwidolophu yaseLadysmith. Oku kubangele umonakalo omkhulu kwiziseko ezingundoqo, kwaye izithuthi ezininzi zakhukuliswa.

Isebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli (COGTA) KwaZulu-Natal lithi amaqela okukhangela nokuhlangula asebenze ngosuku lweKrisimesi ukufumana abo balahlekileyo, azakuqhubeka namhlanje ngoLwesibini.

Umonakalo oshiywe zizikhukula eLadysmith. UMFANEKISO: IPSS S&R

I-COGTA ithe elinye ikhaya elikufutshane nepaki yeekharavani litshatyalaliswe ngokupheleleyo, nto leyo ebangele ukuba amalungu osapho amathathu akhukuliswe. Ngexesha lokukhangela nokuhlangula, elinye ilungu losapho lifunyenwe libhubhile, ngelixa abanye ababini bengekafumaneki.

I-COGTA ithe iqela layo lokulawula iintlekele, kunye neSAPS K9, iAl-Imdaad Foundation Disaster Response kunye neIPSS Medical Rescue, ibonelele ngoncedo lweentlekele, olubandakanya iipakethi zococeko, oomatrasi kunye neengubo kwabo basweleyo.

ILadysmith ngokwembali ibikade isesichengeni sokukhukula ngenxa yokuba ikwindawo ekumhlaba ophantsi omelene nomlambo. Lo masipala unembali ende yezandyondyo zemvula ezibangelwa ziindudumo okanye ezinye iimeko zemozulu.

Umonakalo oshiywe zizikhukula eLadysmith. UMFANEKISO: IPSS S&R

Kulindeleke ukuba iindudumo ziqhubeke kwiindawo ezohlukeneyo zaKwaZulu-Natal, eziquka iLadysmith. NgokweNkonzo yeMozulu yoMzantsi Afrika, isilumkiso senqanaba lesibini sikhutshiwe.

Ukuphazamiseka kweenkonzo zoomasipala kulindeleke kwisiqingatha esisempuma yeMpuma Koloni, kwithafa eliphezulu laseMpumalanga, eGauteng, kwintshona nakumbindi wephondo laseLimpopo, kwimimandla esempuma yoMntla Ntshona nakumntla-mpuma wephondo laseFreystata.