Kubhubhe abathathu abazalanayo kwingozi eGcuwa

Kubhubhe abantu abathathu abazalananyo kwingozi yemoto ebiphakathi kwemoto encinane kwakunye neQuantam ngoMgqibelo emin’emaqanda kuhola wendlela uN2 ngakwilali yaseThanga eGcuwa.

IKwantam ibisuka ngaseGcuwa, iSedan isuka ngaseDutywa.

Esi sithathu besikwi Sedan, ngumqhubi (59) nabasetyhini ababini, onamashumi amabini anesixhenxe nonamashumi amabini anesine ubudala nababhubhele kwindawo leyo yengozi. Owesine osindileyo ubalekiselwe kwisibhedlele saseGcuwa enzakele ngokumasikizi.

Balishumi elinesithathu (13) abakhweli ebebekwi Kwantam nabafumene imikrwelo kuquka nomqhubi, abanye babo basiwe kwisibhedlele saseGcuwa.

Amapolisa aseMsobomvu eGcuwa asaphanda ngale ngozi.