Kubhubhe abathathu kumlilo wembawula!

Amalungu osapho lakwaMasina

Kapa:

Intlungu ibhalwe ebusweni kusapho olungathathi ntweni nolushiyeke lubambe ongezantsi emva kwesiganeko somlilo wembawula oshiye ubulele abantu abathathu kwisitalato iNxala kwilokishi yaseKuyasa eKhayelitsha.

Kwesi siganeko kubhubhe umama wekhaya, umntwana weli khaya kwanomhlobo wakhe. Amaxhoba aphakathi kwama43 ukuya kwi17 leminyaka ubudala.

Utata weli khaya uMzulungile Masina, 54, nabantwana bakhe abathathu, basinde cebetshu kwikhuko lokufa, baze babalekiselwa kwisibhedlele saseKhayelitsha ngenxa yokuyoba ngomhla we16 kule nyanga.

“Andikakholelwa nangoku ukuba udade wethu akasekho, ibingumntu olunge kakhulu, ebengenanxa namntu,” utshilo uBongiwe Mjakada, 43, udade wenkosikazi ebhubhileyo enyembezana.

Inqununu kwisikolo sabantwana abaselula iLittle Acorn emelelene kanye neli khaya, ixelele I’solezwe ukuba yiyo ebone kuqala le ntlekele yokusutywa kukufa kwabantu abathathu ngexesha elinye.

“Ndinkqonkqozile ngoLwesithathu kusasa kuba nditsala umbane kweli ikhaya, khange kubekho mntu uphendulayo, ndibuyele esikolweni nanjengoko ndigcina oonomngqushwana,” utshilo uZoleka Jidane.

Uthi emini khange aqaphele ukuba bakhona abantu kusinina njengoko kusasa kungakhange kuvulwe zingcango.

Le nkosikazi ithi ibuyile kwakho emva kwezithuba zentsimbi yesihlanu kwangolu suku lunye izokufuna kwakho umbane kuba ibilungiselela intlanganiso yabazali eCreche.

“Kweli ityeli ndinkqonkqoze nje ndatyhala ucango kuba ndibona ukuba amagumbi amabini akhanyisiwe, ndithe ukungena kwam ndafika abantwana ababini behleli esofeni,” kubalisa uZoleka.

Uthi uthe xa ebabuza ukuba kutheni bengavuli, waqaphela ukuba kukho okungahambi kakuhle kuba omnye wabo ukhombe imbawula ngelithi yiyo ebangela ukuba babedizi.

UJidane uthi uthe akuqaphela ukuba kukho igumbi lokulala elivuliweyo, wabona kuvele iinyawo zomntu nalapho efike utata wekhaya erhoxoza, logama inkosikazi yona ibisele iwunabele uqaqaqa.

“Emva koko ndiye kwelinye igumbi lokulala, ndafika abantwana ababini sele benamagwebu emlonyeni, logama owesithathu etsibe phandle ndakuvula,” utshilo uZoleka.

“Yintlungu le ilehleleyo eli khaya ukushiywa ngabantu abathathu ngexesha elinye, sakuvuma ke ukuba imbawula ibinguye unobangela wokubhubha kwabo, nguThixo owaziyo, sakuva ngokupheleleyo ngokwengxelo kagqirha kuhlolo lwezidumbu unobangela wale meko” utshilo uMnu Bongile Ngcani onguceba kwaWard 99.

OkaNgcani uthi imbi imeko yekhaya nanjengoko kungekho mntu ebesebenza, utata wekhaya ebephila kukubamba amatorho.

UCeba kusuku lokuqala kwesi sehlo uzamile ukukhupha kuye impokothweni, wanikela ngamaxamba okutya nekofu kolu sapho lungathathi ntweni.

Uthi ngokwenza njalo ulungiselela ukuba babe nento esiwa phantsi kwempumlo logama besaxoxa ngamalungiselelo omngcwabo.

Umhla wokubekwa kwikhaya lokugqibela lamaxhoba awukaziwa.

Olu sapho luthi nangona kunzima, kodwa linethemba ukuba baya kungcwatyelwa apho inkaba yabo ileli khona kuNdabakazi eGcuwa kwiphondo leMpuma Koloni.

Ukanti kucelwa nabanina onganikezela ngoncedo kolu sapho kuma-lungiselelo omngcwabo, afake isandla.