Owona nobangela wokubhubha kwabasebenzi ababini bomzi wabangcwabi kwingozi yemoto kwindlela uR397, ingakukuqhuba bephantsi kweempembelelo zotywala, ngokokutsho kwamapolisa.
La madoda mabini nabeqhuba imoto eluhlobo lwebhaki ethwala izidumbu, bephakathi kwedolophu iBurgersdorp kwakunye neSteynsburg ngethuba umqhubi ephulukana nolawulo lwemoto endleleni.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi seSebe lezoThutho eMpuma Koloni uUnathi Binqose, ngaphakathi kule bhaki bekukhwele amadoda amathathu, enye kuwo kukholelwa ukuba ibizicelele ukukhwela kwaye yona ayifumenanga monzakalo mngako.
UBinqose uthi umqhubi ebedlula enye imoto ngethuba ephulukana nolawulo. Abasebenzi bomzi wezidumbu bobabini babhubhele kwindlela eya esibhedlele.
Ingxelo ithi kurhaneleka ukuba ukusetyenziswa kotywala kule moto kudlale indima kule ngozi.
Kuvulwe idokethi lophando ngesi siganeko.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10