Kubhubhe abayi-1 389 eMzantsi Afrika ngeentsuku ezisixhenxe ngenxa yeCovid-19

KUBHUBHE abantu abayi-1 389 ngenxa yeCovid-19 kwilizwe liphela kwezi ntsuku zisixhenxe zidlulileyo, ngokweenkcukacha ezikhutshwe liziko lezifo ezosulelayo loMzantsi (National Institute for Communicable Diseases).

Ezi ntsuku zisixhenxe kukuqala ngomhla wamashumi amabini anesine kweyeSilimela (24 June) ukuya kowamashumi amathathu (30 June).

Kwangezintsuku zisixhenxe zifanayo, abantu abayi-112 909 bathe bafunyaniswa beneCovid-19 emva kovavanyo.

Izolo (30 June) kubhengezwe ukubhubha kwabantu abayi-383 ngenxa yale ntsholongwane, kuquka nabantu abayi-19 506 abasolulelwe yile ntsholongwane.

Ilizwe laseMzantsi Afrika liphantsi koMsinga weSithathu (Third Wave) weCovid-19, nophehlwa yintlalubela ebizwa iDelta ekuthiwa yenza iCovid-19 inwene okomlilo wedobo.

UMongameli Cyril Ramaphosa ubhengeze ukuba le Delta, ebifudula igqugqisa e-India, ikhona kumaphondo amahlanu kweli lizwe, kuquka naseMpuma Koloni.

UMphathiswa wezeMpilo eMpuma Koloni uNomakhosazana Meth uthi le Delta ifunyenwe kwiingingqi ezimbini zephondo, iNelson Mandela Bay neSarah Baartman.

Isithethi sesebe lezeMpilo eMpuma Koloni, uSizwe Kupelo, uthi iphondo liza kuba neziza eziyi-744 ezitsha zokugonya abantu ukuqalela ngoMvulo.

UKupelo uthi zifikile izitofu zogonyo eziyi-31 200 ukuncedisa kwinkqubo yokugonya ootitshala.

Abantu abasele begonyiwe kwilizwe liphela, ngokwengxelo yangoLwesithathu, bayi-3 026 636.