Kubhubhe abosapho olunye eMthatha

Kubhubhe abantwana bomntu omnye ababini belokishi yaseWaterfall Park eMthatha, kwaze konzakala unina wabo kuquka nomntwana oneminyaka emithathu kuphela emva kokudutyulwa kwabo ngamadoda amathathu angene exhobe ngemipu kweli khaya.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa ala mmandla uMzukisi Fatyela uthi, aba barhanelwa bathathu bangene sele bexhobile kulo mzi emva kwentsimbi yesibhozo ebusuku ngeCawa.

Umfana onama-25, udade wabo onama-21 baswelekile. Unina wabo onama-51 nosindindileyo udutyulwe kumzimba ongezantsi, kwaye

ukwimeko embi esibhedlele.

UFatyela uthi uphando luyenziwa ngamapolisa.