Kubhubhe amapolisa amane kwingozi emasikizi kuR61

UMKOMISHINALA wamaPolisa eMpuma Koloni, uLieutenant General Liziwe Ntshinga, uyalele uphando olukhawulezileyo nolunonophelo ngakwingozi emasikizi esube imiphefumlo yamapolisa amane kwakunye nomhlali ongelopolisa eNgxogi kuR61 phakathi koMthatha neNgcobo ngeCawe.

Isithethi sezothutho ephondweni, u-Unathi Binqose, uthi le ngozi yenzeke emva kokungqubana okweenkunzi zeegusha phakathi kwebhaki ebihamba amapolisa amane kuquka nomntu ongelopolisa kwakunye nesigadla.

“Abantu ababini abebekwisigadla ababhubhanga, [kodwa bashiyeke] benomonzakalo oxhomisa amehlo kwaye okwimeko embi. Isigadla besikwindlela eya ngaseNgcobo logama ibhaki ibikwindlela eya ngaseMthatha,” utshilo uBinqose.

Ingozi esube imiphefumlo yamapolisa kuR61 phakathi kweNgcobo noMthatha UMFANEKISO: FACEBOOK

Amapolisa abhubhileyo aphakathi kweminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) ukuya kwengamashumi amathathu anesihlanu (35) kwaye ebesebenza kwizithili iAlfred Nzo naseOR Tambo, itshilo ingxelo yamapolisa.

La malungu esipolisa abhubhileyo ngamadoda amathathu kwakunye nebhinqa elinye. Isini somhlali ongelopolisa obekhwele kule bhaki yamapolisa asichazwanga.

“Njengoomanejala besipolisa sishiyeke sinyembezana ngezi ndaba zibuhlungu. Ukunduluka okungalindelekanga kweenkokheli zethu ebezisaze ngobuso ezweni kusishiye sithe khunubembe,” utshilo uNtshinga, ekwadlulisa amazwi ovelwano kuzo zonke iintsapho zababhubhileyo.

UNtshinga bekulindeleke ukuba andwendwele iintsapho zamaxhoba ale ngozi kule veki.