Kubhubhe ibanjwa kwijele yaseMthatha

Kubhubhe ibanjwa lalinye kwijele yaseMthatha emva kokuba amabanjwa amahlanu athe ahlasela kanobom amagosa ale jele kwakunye namabanjwa amane. Oku kwenzeke ngoLwesibini kule veki emini ngethuba ilixesha lokuzilolonga kwala mabanjwa kwanokwenza imisebenzi yasejele.

Ngokwengxelo ephuma kweli Sebe lezoLuleko, ithi eli libhubhileyo ibanjwa belikwesi sihlanu besiqale ngokuhlasela amagosa.

Othethela eli Sebe uSingabakho Nxumalo udiza ukuba kubhubhe ibanjwa elinye. Elinye ibanjwa kwakunye negosa elinye balaliswe esibhedlele eMthatha njengoko bonzakele kakhulu kolu hlaselo.

“Ngexesha likaxakeka leziyunguma bekuzolile kakuhle kule jele, siyothusa kwaye siyaphazamisa esi sehlo. Uphando lwangaphakathi luyaqhuba sithetha nje, kwaye namapolisa aphezu kwalo eli tyala,” utshilo uNxumalo.

UNxumalo uthi unobangela okhokelele kolu hlaselo uza kwaziwa kwiziphumo zophando lwangaphakathi olwenziwayo.