Kubhubhe indoda edlalwe ngumhlekazi!

Kwizantyalantyala kwakunye neendudumo ezimandla ezenzeke emva kwemini ngoLwesibini, phantse zonke iindawo zeli phondo, kuthe kwabhubha indoda idlalwa ngumhlekazi.

Oku kwenzeke kwilali yaseFameni eNcihana phantsi kwedolophu yaseXhorha.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa kula mmandla uKapteni Jackson Manatha, ithi le ndoda inamashumi amane anesine eminyaka ubudala idlalwe ngumhlekazi isazihambela emva kwentsimbi yesixhenxe ngoLwesibini ngethuba kusitsho iindudumo ezimandla.

Indoda le ibhubhe kwangoko kwindawo leyo idlalelwe kuyo ayabinalo nethuba lokubalekiselwa esibhedlele. Igama lexhoba lisafihliwe ngamapolisa nanjengoko kusekutsha kwaye kusafuneka kwaziswe zonke izihlobo ngesi sehlo. Amapolisa aseXhorha avule idokethi lophando.