Kubhubhe indoda iphanga abafundi eDutywa

KUBHUBHE umrhanelwa wamnye, owesibini walaliswa kwisibhedlele saseGcuwa, ze abathathu basinda bengenawo nomkrwelo emva kokuba esi sihlanu sabarhanelwa singene kwindlu egxamesa abafundi abangamantombazana besikolo samabanga aphakamileyo iDinizulu eDutywa, sabaphanga iifowuni.


Abafundi bakhale esimantshinyane bencediswa ngumnikazi womzi abahlala kuwo ngeenzame zokukhwaza abahlali. 


UKapteni Jackson Manatha uthi abahlali baphume ngobuninzi babo behlasela aba barhanelwa. UManatha uthi kubhubhe wamnye umrhanelwa onamashumi amabini anesixhenxe ubudala. Onamashumi amabini anesihlanu usesibhedlele eGcuwa nalapho agadwe ngamapolisa. Abanye abarhanelwa abasindileyo bemke nezixhobo ezo baziphangileyo kubafundi. 


Oku kwenzeke ngoLwesine ebusuku emva kwentsimbi yesixhenxe kwilali yaseTaleni eDutywa.