Kubhubhe inkitha kwingozi yebhasi kuN2

BAMALUNGA namashumi amabini abantu abathe babhubha kwingozi yebhasi emasikizi eyehle kumajikojiko aseNciba kuhola wendlela uN2 ngenjikalanga yangoMvulo.

Le ngozi yenzeke emva kokuba umqhubi webhasi yakwaDMJ ethe waphulukana nolawulo ze ibhasi yakhalala umgaqo.

Ingozi yebhasi kuN2 UMFANEKISO: FACEBOOK/ EC DOT

Inani eliqinisekisiweyo lababhubhileyo kusenzima ukulitsho de kuhlangulwe bonke abo bagaxeleke kule ngozi, utshilo u-Unathi Binqose othethela isebe lezothutho kwiphondo leMpuma Koloni.

Ingxelo engaqinisekiswanga kukuba le bhasi ibisuka eKapa isiya kwiindawo eziliqela eMpuma Koloni.

Eli libali eliqhubekayo, ingxelo eyongezelelweyo iza kubuya ilandele.