Kubhubhe ipolisa noonqevu kutshintshiselwana ngeembumbulu

Asaphokoka amazwi ovelwano aya kusapho lukaSajini Vakele Mjoli odutyulwe ngoonqevu wabhubha kusasa kuMgqibelo weveki ephelileyo kuShoprite okwidolophu yaseNgcobo.

NgoLwesibini kule veki ngethuba amapolisa ePhondo leMpuma Koloni esenza iinkcukachamanani zolwaphulomthetho eMonti, kuye kwanikwa imbeko umzuzwana kokaMjoli.

UMkomishinala wamaPolisa uNjengele Nomthetheli Mene uthi sothusile esi senzo. UMene uthi abazukuphumla de babe naba babini abarhanelwa bangekafumaneki bayabanjwa bajongane nengalo yomthetho.

Ingxelo ithi uSajini Mjoli, 43, ebephakathi kwamapolisa amane ebeyokusabela ikhwelo emva kokuxelelwa ukuba kunophango olwenzekayo kwenye yeevenkile ezinkulu zaseNgcobo.

Ngokwengxelo kaBrigadier Tembinkosi Kinana, ngethuba efika kule venkile la mapolisa mane, uMjoli ubuze kwindoda ebime emnyango kule venkile yabe inxibe iimpahla zikaNogada.

UMjoli ebekholelwa ukuba lo usemnyango nguNogada ngenene ebuza malunga nabarhanelwa kwanokwenzeke ngaphakathi kule venkile. Ngethuba engena ngaphakathi uMjoli, lo mkokotela kaNogada ushiyeke ethulula iimbumbulu emqolo kokaMjoli, noye wabhubha kwangoko kwindawo leyo yexhwayelo.

Omnye kumapolisa, uConstable Mfundiso Ndede, 35, uchacha esibhedlele emva kokuba eye wadubuleka ngethuba abarhanelwa ebebengaphakathi bebuyisa ngezabo iimbumbulu kula mapolisa.

UKinana uqhuba uthi abarhanelwa ababini nabo baye bonzakala babhubha ngethuba kutshintshiselwana ngeembumbulu ngamapolisa kwakunye nabarhanelwa.

Imoto ekukholelwa ukuba aba barhanelwa bahlanu bebehamba ngayo ifunyenwe ngakule venkile kwanemipu ebekudutyulwana ngayo ifumaneke ngaphakathi kule venkile.

Ababini abarhanelwa kwaba bahlanu abakabanjwa nanjengoko omnye ebanjiwe, baze ababini babhubha.

UMphathiswa wezoThutho kwakunye noKhuseleko eMpuma Koloni, uXolile Nqatha, nodlulise amazwi ovelwano naye kusapho lakwaMjoli, ekwanqwenelela uNdebe ukuphakama okukhawulezileyo esibhedlele, uthi makungaphunyulwa kwenziwe umzekelo ngaba barhanelwa bangekabanjwa. Uthi amapolisa kumele akhusele uluntu hayi ukuba abulawe kabuhlungu.

UFikile Xhasa waseNgcobo oliLungu lePalamente eKapa naye uzeke mzekweni ukudlulisa amazwi ovelwano kwiintsapho zamaxhoba.

“Sihlaba ikhwelo kuSAPS nakwabanye bomthetho ekubeni bakhangelwe babanjwe. Sikwabongoza noluntu lwaseNgcobo lusebenzisane namapolisa,” utshilo uXhasa.

Ityala lokuzama ukubulala kwanelokubulala livuliwe kwaye liphantsi kophando. Akukho mali ithathiweyo.