Kubhubhe isine kwingozi yemoto ephondweni

Kubhubhe abantu babane kwingozi yemoto ebimasikizi ngoMvulo kuhola wendlela uN2 ngaseStorms River. Isithethi sezendlela ephondweni uNcedo Kumbaca uthi, le ngozi yenzeke ngoMvulo emva kwemini.

Ngokwengxelo yamapolisa, yiloli ebisuka eKapa kwiphondo laseNtshona Koloni isiya eBhayi neye yagquzula imoto eluhlobo lweSedan ngethuba umqhubi ezama ukudlula iimoto ebeziphambi kwakhe.

Kuye kwabhubha umkhweli wamnye ngaphambili babathathu ngasemva, nabathe babhubhela kwindawo leyo yexhwayelo. Indoda kwakunye nowasetyhini ebebekwiloli bashiyeke bona benamanxeba, kwaye baye babalekiselwa esibhedlele.

Iqwakuqwaku lokuzama ukubulala livuliwe ngamapolisa aseBhayi.