Kubhubhe omnye, konzakala abasixhenxe kudubulwano kwirenki yeeteksi eNyanga

Kubhubhe omnye, konzakala abasixhenxe kudubulwano kwirenki yeeteksi eNyanga.

Kubhubhe umntu omnye konzakala abasixhenxe kudubulwano kwirenki yaseNyanga eKapa ngentseni yangoLwesibini. Esi sehlo kukholeleka ukuba siyayanyaniswa nongquzulwano phakathi kwamaqela akumbutho omnye woonoteksi.

Isithethi samapolisa eNtshona Koloni, uBrigadier Novela Potelwa, ungqinile ukuba imipu elishumi elinesithathu (13) yohlobo lweRifle kunye nesixhenxe (7) eluhlobo lweHandgun ithinjwe ngamapolisa aseNtshona Koloni.

“Iingxelo zamapolisa zibonakalisa ukuba igqiza eliquka ezobuntlola zamapolisa, iNational Intervention Unit, iK9, icandelo leDrone kunye neqela lephondo elijongene nemilo bebexakekile begada intshukumo kufutshane nerenki yaseNyanga ngethuba kutshintshiselwana ngeembumbulu phakathi kwamaqela alwayo. Ngenxa yobukho beli qela kuye kwathintelwa esi siganeko ukuba siqatsele,” utshilo uPotelwa.

Uthe amapolisa azalise le ndawo kunye nezinye iindawo ngobuntlola bamapolisa njengoko uninzi lwabakhweli beshiyeke bedengile ngenxa yesi siganeko.

Kungoku nje amapolisa abuza imibuzo koonogada abalishumi elinesithoba (19) njengenxalenye yophando.

UPotelwa uthe ngoku uphando lusezandleni zegqiza lephondo elijongene noonoteksi.

“Uthethathethwano nePSIRA luyaqhubeka kwiinzame zokukhangela ukuba semthethweni kwemipu kunye neenkampani zokhuseleko abazisebenzelayo,” uvale ngalo mazwi uPotelwa.