Kubhubhe umkhwethwa kwisiza somgunyathi esihlala abakhwetha

Ngumkhwetha onamashumi amabini (20) ubudala ezelwe obhubhileyo kummandla wakwaNkunzini, eMagwa Tea, eLusikisiki.

Ngokwengxelo ephuma kuWarrant Officer Majola Nkohli, ithi, lo mkhwetha ubhubhule kwibhuma lakhe ngoLwesine weveki ephelileyo.

UNkohli uthi, kubikelwe amaPolisa ala mmandla ngamaGosa eSebe lezeMpilo ekubeni kunesiza solwaluko somgunyathi kula mmandla kwaye sele kukho nomkhwetha obhubhileyo noye wahlaselwa ngamadoda angaziwayo ngaphakathi kwesi siza.

Esi siza, ngokokutsho kukaNkohli sasichithiwe ngaphambili, nekucaca ukuba abarhanelwa baphinda basivula sabe singabhaliswanga ngokusemthethweni.

Umrhanelwa owavula esi siza kwakhona uyaziwa kwaye akakabanjwa kuba usakhangelwa nanjengoko ezimele.