Asaphokoka amazwi ovelwano, emva kokusweleka komnye umsasazi woKhozi FM, ngoLwesine, kwiveki ephelileyo.
UNondumiso Shazi oneminyaka engamashumi amathathu anesithathu (33), usweleke emva kokubanjwa yintloko ebuhlungu.
Iindaba zokusweleka kwalo msasazi waseChatsworth nobeqhuba inkqubo yabantwana ethi Vumelani Abantwana Beze Kimi, ziqale ukuvakala ngoLwesine kwiveki ephelileyo, nalapho zothuse abaninzi. Le nzwakazi izibandakanye noKhozi FM ukususela kunyaka ophelileyo.
Omnye wabasasazi boKhozi FM, uPhindi P, uthe uphatheke kabuhlungu kakhulu ngokusweleka kukaNondumiso njengokuba inguye owamvulela iingcango kunomathotholo Ukhozi FM.
“UNondumiso ndadibana naye ecaweni ebehamba kuyo ngelixa mna ndandityelele kuyo. Ndigqibele sendimmemela ekubeni sibenengxoxo kunamthotholo naye. Ndaye ndamcelela ukuba asetyenziswe kunomathotholo kanti bazomthanda, bagqibela bemqasha ukuba enze inkqubo ethi Vumelani Abantwana Beze Kimi.
“Ubengumncedisi womfundisi ecaweni yakhe, aphinde athathe imifanekiso xa kukho iinkonzo, aphinde afundise kwisikolo sabantwana ecaweni (Sunday School). Ubengumntwana okhutheleyo kakhulu nam ndaqaphela ukuzimisela kwakhe nokuba nomdla wokuya phambili. Bendinethemba lokuba usazokhula atshintshe nemeko yesimo yekhaya lakhe,” utshilo uPhindi P.
UBhishophu Bhekokwakhe Buthelezi weRestoration and Worship Centre International, eThekwini, apho bekucawa khona uNondumiso, uthe ulahlekelwe kakhulu.
“Ubanjwe yintloko ebuhlungu neye yabangela angeniswe esibhedlele. Esibhedlele kufumaniseke ukuba uneMenengitis. Akukhange kuphele inyanga ekwesi sibhedlele wasweleka. Ndilahlekelwe kakhulu kwaye kunzima ukuba akasekho emhlabeni.
“Ebedlala indima enkulu ecaweni, kwaye andiqondi ukhona ongayivala indawo yakhe ecaweni. Nguye ebesazi zonke iincwadi ezibandakanya icawa, aphinde afundise iSunday School, okuninzi bekusenziwa nguye ecaweni. Ndibulela uPhindi P owamvulela indlela yokuba angene kuKhozi FM,” utshilo uBhishophu Buthelezi.
Othethela iSABC, uMmoni Seapolelo, ugqithise amazwi ovelwano kusapho lwalo msasazi.
Abantu kumakhasi onxibelelwano bebekhuza bengayeki ngokusweleka kwalo msasazi, nanjengoko elandela abaninzi abasanda kusweleka. Kwabo bebesanda kusweleka kuKhozi FM kubalulwe uIrvin Sihlophe osweleke sekuzophela unyaka ophelileyo, uBheka Mchunu osweleke ngoMatshi, kwakunye noZanele Mbokazi Nkambule osweleke ngoMeyi kulo nyaka.
Eli bali liqale lavela kwiSolezwe.
ElaseTopiya lihamba phambili ngeenkomo eAfrika