Kubi kwezemidlalo eMzantsi Afrika

Njengokuba abantu bethubeleza phakathi kweengxaki zabo kubomi babo bemihla ngemihla, baye basebenzise abemidlalo njengesixhobo sokuphulula ezo zivubeko zobom. Kule iveki kuninzi okungahambanga kakuhle apha eMzantsi Afrika.

Ngosuku olukhulu lokubhiyozela igalelo elenziwa isiswenye somzabalazo uTat’uNelson Rholihlala Mandela kuthe kwathi wambu ilifu elimnyama kweli lizwe emva kokusweleka komqhubi weemoto zemidyarho, uGugu Zulu, obezama ukuya kwinkcochoyi yentaba iKhilimanjaro eseTanzania. Yinto embi kakhulu leyo kuthi yokulahlekelwa ngumntu osisibonelo kulutsha lethu oluphambukayo endleleni, ubukhulu becala kwezi ntsuku. Sileli phephandaba sithi ngxe kusapho lwakwaZulu, lungaqumbi lude luqalekise. Kwelinye icala kukho umkhuba othande ukuqheleka kwibhola yoMzantsi Afrika, yokuthengwa ngamaqela.

Kwezi nyanga zimbini kuthengwe iMpumalanga Black Aces nguJohn Comitis, kwathengwa iFree State Stars ngabantu abangaziwayo abalawula iMoroka Swallows nangona usihlalo wePSL, ugqirha Irvin Khoza, ethe kusekho imiba engekagqitya nje kolo uthengiso.

Kolu thengiso lala maqela kwenzeka izinto ezimbi ngoba kushiyeka abasebenzi bengazi nokuba imeko yabo ithini na. yenzekile lo nto kwiBlack Aces kodwa yalungiswa ngokukhawuleza, ngoku apha kwiFree State Stars imbi kakhulu. Bona abanikazi bamaqela abakhathali ngoba imali yabo bayifumana yonke futhi noxanduva labasebenzi balushiya kwabathatha ezindaweni zabo, kodwa abayiqinisekisi lo nto.

Noko ngoku ingasekubekho umthetho okhoyo olawula ukuthengwa nokuthengiswa kwamaqela aphezulu. Le nto izakuyimosha ibhola yeli lizwe. Okunye okuxhalabisayo ziindaba ezithe gqi kule veki ezithi uMthatha Bucks uzakuthengwa yiFree State Stars. Kuhle ngoba abaphathi beBucks bathi abalithengisi iqela labo kodwa masihlale sinexhala yilo nto.