Kubolile kwaNgcayechibi, isiza sembali

KwaNgcayechibi Umfanekiso: Bhekizizwe Radebe

YIMFAZWE yesithoba neyokugqibela kwezexesha lengcinezelo eMpuma Koloni neyabangela udumo kwisizwe samaMfengu encedisana nabaseBhritane, esohlula amaXhosa kumlo owaqhambukela kwaNgcayechibi kufuphi neengxangxasi zaseBawa eGcuwa ngo1877 ukuya ku1878.

UNgcayechibi wayesisibonda sale lali, ngoko yiyo lo nto imfazwe le ibizwa ngaye.

Kodwa ngoku endaweni yokuhlonitshwa kwesi siza sale mfazwe, kwaNgcayechibi, imeko yela khaya ingamabhodlo ekungabonakali kwangcwaba elo likaNgcayechibi ngenxa yokuba lingabhalwanga.

Isizwe samaMfengu sifuna urhulumente akuthathele ingqalelo ukubaluleka kwale mfazwe kwesi sizwe.

UNkosi Manduleli Zanokhanyo Bikitsha wesizwe samaMfengu uthe: “Imfazwe kaNgcayechibi ibaluleke kakhulu kwimbali yesizwe samaMfengu. Sifuna kwakhiwe isiza (monument) kwindawo apho yaqalela khona le mfazwe, kwaNgcayechibi.”

“KwaNgcayechibi kubolile, izindlu zimdaka, amangcwaba akabonakali. Asithi makuthengelwe ukutya abantu bakwaNgcayechibi, sithi makuboniswe intlonipho kwigalelo elenziwa nguNgcayechibi. Makuyekwe le nto yofika kufotwa umzi wakwaGaga omhle, kuthiwe ngumzi kaNgcayechibi,” utshilo uBikitsha.

I’solezwe lesiXhosa lithethe noMongezeleli Gaga, lo kumane kukhonjwa kowabo kusithiwa kukwaNgcayechibi, nothe baphoxekile ngumasipala wesithili iAmathole ngendlela ewusingathe ngayo umbandela wekhaya lakwaNgcayechibi.

“Umasipala waseAmathole wafika wakha iziza kufuphi neBawa Falls ezihamba nembali kaNgcayechibi, kodwa oko kwaphelela emoyeni ngenxa yokuphoxeka kwabahlali baye bonakalisa indawo leyo kuba babeneenjongo zokufumana ingqesho nanjengokuba iAmathole yayithembisile endaweni yokuthetha nabantu belali okanye nenkosi wasuka wakhupha unogada (security) yaphela indawo leyo isonakaliswa,” utshilo uGaga.

Wongeze wathi iAmathole le ayizange imakhe umzi kaNgcayechibi, into abayenzayo kukuthi xa kufike abantu bezokhenketho babonise umzi kaMguyo Gaga, utamkhulu kaMongezeleli, nakwiindawo zabo kuxhonywe mzi lowo ungengowakwaNgcayechibi, besithi nguye bexoka.

“Iminqweno yethu ngaphambili kokuba kwenziwe iindawo zabakhenkethi iBawa Falls, sicela kuqalwe ngokulungiswa idlaka likaNgcayechibi kwandule kwenziwe indlu. UMnquma umasipala wasekhaya uyathembisa ke ekusincedeni kuba kaloku iAmathole yona yoyisakele, kudala siyibiza ingezi,” utshilo uMongezeleli Gaga.

UBuyisile Kewuti, ongumzukulwana wakwaNgcayechibi, uthe: “Eyona nto siyinqwenelayo silusapho kukulungiswa kwemeko yekhaya kwakhiwe indlu nedlaka ngumasipala.”

UBikitsha ukwathe: “Imbali nenkcubeko zikunika ukuzazi kwakho kwakunye nenkolo namasiko.”

Phantsi kokubaluleka kokuzazi, uNkosi Bikitsha uphuhlise into yokuba uluntu lwaseBawa kufanele luyazi imbali engasemva kwegama elithi ‘Bawa Falls’, apho kwakuwe amaMfengu asweleka, ze le ndawo yanikwa elo gama.