UMasipala wasePort St. Johns ukhuphe isibhengezo esithi ubongoza abahlali balammandla ekubeni bahambele kude nedolophu iSajonisi, de kube kanti amapolisa aqinisekisa ngokhuseleko lwabo. Oku kubangelwa ludushe oluqhutywa ngabezithuthi zikawonkewonke iiteksi nolude lonzakalisa umntwana oyinkwenkwe oneminyaka eyi-11 ochanwe ezihambela.
UMkomishinala wamaPolisa eMpuma Koloni uLieutenant General Nomthetheleli Mene, ukugxeke kabukhali oku, watsho ebongoza imibutho yezi zithuthi ukuba isebenzisane ngeenzame zokufumana isisombululo sokungaboni ngasonye kwingxaki abajongene nayo, kuba ngoku abantu baphulukana nobomi babo.
Ngokwengxelo ephuma kuColonel Priscilla Naidu, ngoLwesibini umhla we-16 kule veki, kuqhambuke udushe kwirenki ekule dolophu phakathi kwezithuthi zaseSajonisi nezaseLusikisiki nalapho kudutyulwe oonogada abathathu kwicala laseLusikisiki logama abahlanu benzakele kwicala laseSajonisi.
UNaidu uthi kukwadubuleke nenkwenkwe (11) nechaphazaleke kolu dushe kungokunje ilwela ubomi bayo esibhedlele nalapho ifumana unyango. Kukwatshiswe neemoto ezintathu.
Kolu dushe sele kubanjwe abarhanelwa abalithoba (9). Amapolisa azakuhlala kule dolophu ukujonga imeko de kubenozinzo.
“Le into ayizokucengwa kwaye ingazukunyanyezelwa kuba ubomi babantu abaninzi abangenanto yakwenza nolu dushe busemngciphekweni. Sihlaba ikhwelo kuyo yonke imibutho echaphazelekayo idibane ixoxe ize nesisombululo esikhawulezileyo ukunqanda ukubhubha kwabantu,” utshilo uLieutenant General Mene.
Silungiselela ukukhusela indebe yethu kwiWafcon, utsho uDesiree Ellis