Kubongozwa ungenelelo lwabazali kwimfundo yabantwana

Umbutho olwela umakulingwane kwezemfundo (Equal Education) uthi impumelelo yomntwana esikolweni ixhomekeke kumzali kuba umntwana uqala afumane ingqeqesho endlini kwaye neenkuthazo zokubaluleka kwesikolo ziqala ekhaya.

Oku kuvele ngethuba lo mbutho ubunendibano kwakunye nabafundi besikolo saseHector, Breidbach, iHlumani kwakunye nabazali babantwana kwigadi ephambi kwethala lencwadi eQonce ngoMgqibelo.

USinethemba Ndleleni okwezonxibelelwano kwi-Equal Education uthe: “Sikholelwa kakhulu ukuba abazali ngabona banokubanendima enkulu ngaphakathi esikolweni nanjengoko isikolo sixhomekeke kubahlali ingesesotishala kuphela. Kungoko nakule ndibano sinayo sibabizile kwaye sibabonisa nangokubaluleka kokungenelela kwakhe kwimfundo yommntwana.”

Lo mbutho ujongene nezinto ezininzi awujongananga nokuncedisana nabantwana kuphela kwizifundo zabo koko ukwajongene neemfuno ezininzi ezikolweni zasemaphandleni ezifana nomgangatho wesikolo, kwanokhuseleko lwabantwana ngaphakathi ezikolweni kwanokulwana nezikolo ezisakhiwe ngodaka.

Omnye wabazali abebeyinxalenye nale ndibano yabafundi kwakunye nalo mbutho noncome lo mbutho ngegalelo olenza kwimfundo yabantwana babo uNompumelelo Jaji nonguzali womntwana owenza ibanga leshumi eHlumisa, eQumrha naye ungqinile esithi kubalulekile ukuba umzali ahlale ezinikela encedisa umntwana wakhe kwaye emkhuthaza ngamaxesha onke.

“Kuyafuneka nokuba xa ungumzali uzinike ithuba uye esikolweni uyokujonga inkqubela yomntwana kwaye ubenobudlelwano nootitshala bomntwana wakho, kungathi kanti umntwana akasayi kwakweso sikolo. Kubafundi ebebonwabile bencedisana ngolwazi kwindibano le omnye wabo ngu-Achuma Mjikeliso uneshumi elinesibhozo ubudala ngokweminyaka ongumfundi webanga leshumi eHector uthi, iyabanceda le nto kuba ibadibanisa nabanye babantwana bezikolo ofumaniseka ukuba bangcono kakhulu kwizifundo zezibalo okanye kwisifundo esithile oko kuye kubenze bakwazi nokwabelana ngolwazi.

Isebe lezemfundo ephondweni ebelilindelekile kule ndibano ngokokutsho kwamagosa alo mbutho alikhange liphumemelele nabathi oko kubaphoxile. abongile.ginya@inl.co.za