Kubonwe ihlosi linyantsula kuN2 eNciba

Umqhubi wemoto ubone ihlosi eNciba
ULUNTU olwakhele kufuphi naseNciba luyalunyukiswa ngehlosi elibonwe linyantsula kuhola wendlela uN2 ngentseni yangoMvulo. 
Eli hlosi libonwe nguLuntu Foslarha ngezithuba zentsimbi yesine kusasa ngethuba eqhuba imoto esuka eCumakala esiya eMthatha. 
“Ndithe xa ndikwigophe lokuqala xa usuka ngakule fama yakwaThompson, ndathi ntla ngalo lithe chu lingangxamanga. Ndiye ndabamba iziqhoboshi ndalilayita ngezibane. Lingakanani ukuba likhulu! Lithe lakugqiba ukunqumla indlela, lathi lakatyu ukutsiba iintsimbi ezi zendlela,” utshilo uFoslarha. 
UFoslarha uthi ebothukile, khange kubekho nangcingane yokuthabatha umfanekiso. Uye wafowunela amapolisa efuna kulunyukiswe abantu. 
Isithethi samapolisa uKapteni Jackson Manatha ulumkise uluntu oluhlala kufuphi naseNciba ukuba luhlale luqaphele. 
Ihlosi sisilo esithanda ukuhlala sodwa xa sisidala. Inkunzi idibana nemazi okanye ithokazi ngamaxesha okukhwelana. Esi silo sikwathanda ukukhangela into etyiwayo ngamaxesha asebusuku ze siphumle emini. 
Ihlosi liyingozi ebantwini nakwizilwanyana ezifana neebhokhwe, iigusha, iinkomo namahashe. 
Ngo2017 abahlali belali yakuNdwayana eNgqushwa babulala ihlosi emva kokuba libulele iibhokhwe ezingaphaya kweshumi kule lali.