Kubulewe indoda enye ngamane eNgqamakhwe

Amapolisa eNgqamakhwe abambe isine sabarhanelwa, esingamadoda, ngezityholo zokuhlaba abulale indoda enamashumi amane ananye kwakule dolophu.

Ababarhanelwa, baphakathi kweminyaka engamashumi amabini ananye ukuya kumashumi amabini anesithandathu ubudala babanjwe ngamapolisa kumbindi wedolophu.

Isithethi samapolisa kummandla oquka iNgqamakhwe uKapteni Jackson Manatha uthi, aba barhanelwa basebenza kwakule dolophu, baqhuba iitroli.

“Bahlabe babulala ixhoba ecaleni kwevenkile ethengisa ukutya phakathi edolophini. Unobangela wokumhlaba abhubhe bemongamele bobane okwangoku awukaziwa, usaphandwa,”utshilo uManatha

Kulindeleke ukuba bobane bavele enkundleni yamatyala ngoMvulo esijonge kuwo.

Inkumanda kwisikhululo samapolisa eGcuwa, uBrigadier Stanely Sibhidla, ukukhalimele kabukhali ukubulawa kabuhlungu kwexhoba ngabantu abane. Uthe, abenzi bobubi bazakujongana nengalngalo yomthetho eqatha.