Kubulewe indoda yaseTopiya eMthatha

AMAPOLISA elali yaseBityi eMthatha aphantsi phezulu ekhangela abarhanelwa abathe badubula babulala ummi waseEthiopia. 


Ngokwengxelo ephuma kumapolisa ithi ixhoba linamashumi amabini anesithandathu ubudala (26) nekubhaqwe umzimba walo ugqunyelelwe ngeziqobo zomthi phantsi kwebhulorho iMqhekezweni eBityi.


Ixhoba libhaqwe ngoLwesithathu wale veki emva kwentsimbi yesithathu emva kwemini.


UCaptain Dineo Koena uthi ixhoba ligqityelwe ngoLwesibini kwilali yakwaPayne lisisa impahla kwenye yeevenkile zabo ekwilali yaseJulukuqu eBityi. 


Uthi ubhuti wexhoba uthe akubona engabuyi umfo wabo omncinci  waqalisa ukukhangela apho aye wadibana nabarhanelwa ababini beqhuba imoto le kabhuti wabo.


Ingxelo ithi ubaleke wayokubika kumapolisa aseMthatha akubona kukho abanye abantu kwimoto yomfo wabo.


UKoena udiza ukuba ixhoba libhaqwe linamanxeba embumbulu kumzimba walo ongentla. Uthi okwangoku bekungekacaci ukuba abarhanelwa bayithathile imali kusini na kwixhoba.


Amapolisa abongoza nobani na onokuthi abe nolwazi eze ngaphambili emapoliseni uyakufihlwa igama lakhe. Okanye onolwazi atsalele kwisikhululo samapolisa eMthatha afune uConstable Maqoma ku 10111.