Kubulewe inkondekazi edlwengulwe amatyeli aliqela eNgqeleni

LUKHALA isimbonono usapho lakwaNtangana kwilali iMhosi ngaseCanzibe eNgqeleni emva kokubulawa kwelungu lolu sapho, ixhegwazana eline-75 yeminyaka ubudala. 

UGaga Nomuntsu ufunyenwe edlwengulwe wakrwitshwa ngorhatya langoLwesithathu kwilali iBholotwa emva kwemizuzwana ephume kwammelwane eyovalela inkukhu emzini wakhe. Lo makhulu ebelala ebumelwaneni ngenxa yokwanda kweziganeko  zokuhlaselwa kweenkonde, kudlwengulwa iinkondekazi kule lali.

Ummelwane ozibonele ngamehlo eli sikizi, uNozenzo Mbambo uthi ususwe kukungabuyi kwalo makhulu ngelo thuba ebeyovalela iinkukhu. “Uthe akungabuyi ndayomkroba kwakhe, xa ndikufuphi ndabona umfana walapha elalini ephuma kwindlu yalo gogo ebaleka. 

Ndakungena ngaphakathi ndifike le nkondekazi sele iswelekile. Sihleli ngoloyiko kule lali ngulo mfana usisidlwengu,” utshilo uMbambo.
Ukwathi ukuba wayebanjiwe lo mfana kwisiganeko seveki ephelileyo sokudlwengulwa kuxatyelwe enye inkondekazi ngeyisaphila le.

Inkosi yelali uNkosi Nombasa Bhekabantu Vava uthi iyabakhathaza eyokuhlaselwa kubulawe abantu abadala eBholotwa. UVava ukwathi bahleli exhaleni ngulo mkhuba othande ukuqatsela.

Ilungu losapho uNolithemba Ntangana uthi banxunguphele kakhulu kukubulawa komakhulu wabo ngale ndlela. ” Umakhulu kudala edlwengulwa ethathelwa nemali yakhe apha eBholotwa kodwa engafuni kugoduka aye eMhosi. Ndiyacinga ubulewe kwityeli lesihlanu edlungulwa ehlaselwa. Besimbuza ukuba uyazixela kusini na komkhulu eziziganeko, esithi, uyazixela, kodwa akuthathwa manyathelo,” utshilo uNtangana.

Amapolisa akugxekile ukubulawa kwabantu abadala. Othethela amapolisa kummandla oquka uMthatha neNgqeleni uKapteni Dineo Koena umemelele kwinkosi zemveli ukuba ziqinisekise ngokukhuselwa kwabantu abadala. 

Amapolisa avule ityala lokudlwengula, nokubulala, kwaye acela nabani onolwazi ngowenze esi siganeko ukuba abikele amapolisa akufuphi. 

Ukanti, abahlali basakhangela umrhanelwa nanjengoko kukholelwa ukuba uyaziwa. Ngenyanga yeSilimela kwafunyanwa ixhego lixatyelwe labulawa, kodwa akukabanjwa mntu.