Kubulewe inkosikazi kuCentane

Yinkosikazi enamashumi amathathu ubudala ebhaqwe sele ibhubhile kwikhaya layo kwilali yakuHolela kuCentane.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samaPolisa kula mmandla, uKapteni Jackson Manatha, sithe, ixhoba belilodwa emva kokushiywa ngusisi walo ekhayeni labo ngoMgqibelo.

Ixhoba lihlaselwe lilodwa ngorhatya ngumntu ongaziwayo. Ingxelo ephuma kuKapteni Manatha ithi usisi wexhoba ngethuba ebuyela ekhayeni labo phambi kwentsimbi yethoba kwangalo olusuku ugagene negazi likadadewabo emnyango kwaye sele enamanxeba aphinda phindeneyo emzimbeni wakhe ongentla.

UManatha uthi unobangela wokubulawa kwale nkosikazi awukaziwa. AmaPolisa ayabongoza konobanolwazi malunga nokubulawa kwale nkosikazi ukuba atsalele isikhululo sakuCentane ku:047 498 1096 okanye ku: 073 288 0340 igama lakhe lakukhuseleka.

Igama lale nkosikazi alikachazwa njengoko izihlobo zonke zingekaziswa.

UNjengele Andries Swart nobambele njenge Nkumanda kumaPolisa ephondo usigxeke kabukhali esi sehlo sokubulawa kwale nkosikazi.

UNjengele Swart uqinisekisile ukuba abecuphi bakuCentane abazakuphumla bekhangela abenzi bobubi de bafumaneke.