Kubulewe ipolisa eBhayi

UMphathiswa wesebe lezokhuseleko nezothutho eMpuma Koloni uWeziwe Tikana usigxeke kakhulu isenzo sokubulawa kwepolisa eNew Brighton eBhayi ngokuhlwa kwangoLwesithathu.

USajini Mzwabantu Xhathasi oneminyaka engamashumi amathathu anesithoba (39) ebengaphangelanga ngethuba yena nomhlobo wakhe * -Ishmael Phumeza, oneminyaka engamashumi amathathu anesithathu, behlatyaniselwa ngeembumbulu ngabarhanelwa abathathu.

UXhathasi ubhubhele kwindawo yexhwayelo, lo gama yena uPhumeza ebhubhele kwindlela eya esibhedlele.

“Sothuke kakhulu zezi ndaba zokubulawa kwelungu lethu lesipolisa nomhlobo walo. Singathanda ukudlulisa amazwi ovelwano kwiintsapho, abahlobo kwakunye noogxa babo emsebenzini. Sicela abantu baseNew Brighton ukuba basincedise ukufuna abenzi bobubi, kuba nokuba kuphi na, ukhona umntu onolwazi malunga noku,” utshilo uTikana.

UXhathasi ebengumcuphi kumatyala osebenza kwisikhululo samapolisa aseMount Road eBhayi, apho ebejongene namatyala odlwengulo nokuphathwa gadalala kwamanina nabantwana.

Kwindawo apho abhubhele khona, kufunyenwe uwalakahla wamakhoba eembumbulu zompu wohlobo lwe-9mm.

UMkomishinala wamapolisa aseMpuma Koloni uLt Gen Celiwe Binta uthi amapolisa ecandelo lee-Hawks sele eqalile ukuphanda esi sihelegu. Kwanombutho we-DA udlulise amazwi ovelwano kwiintsapho zaba badutyulweyo. “Wonke umntu obulala amapolisa kufuneka ajongane nengalo yomthetho eqatha,” utshilo uBobby Stevenson, othethela ezokhuseleko kwi-DA.

Bekungekabanjwa mntu malunga nesi siganeko saseNew Brighton ngethuba sibhala eli nqaku izolo.