Kubulewe ipolisa kwakhona ngoonqevu!

 

Udutyulwano obeluphakathi kwamapolisa kwakunye namadoda asibhozo angaziwayo lukhokelele ekubhubheni kwepolisa elinye lidutyulwa ngomnye waba nqevu. Oku kwenzeke ngoMvulo wale veki emva kwentsimbi yesixhenxe ngorhatya, kusenzeka kwilali yaseMhlakulo kuTsolo.

Ngokwengxelo yamapolisa, aba nqevu basibhozo nabebexhobe ngemipu bebephanga imoto iG4S ebilayishe imali, isuka ngakwidolophu yaseSajonisi ngakwilali yaseDangwana.

“Ngokwengxelo, aba barhanelwa bamise ngenkani le moto ibinoonogada ababini kuyo, nabathathe imipu ngenkani emva koko bavula isefu egcina imali.

Ngethuba abarhanelwa besaphehluzelisa oonogada, kuthe gqi amalungu eTRT esipoliseni evela ngaseSajonisi nathe aleqisa kule ndawo. Abarhanelwa babaleke ngeemoto zabo ezimbini iFord Ranger kwakunye neToyota Hilux nababalekele ngakwindlela eya ngaseLibode,” utshilo uBrigadier Tembinkosi Kinana.

Ingxelo ithi enye yezi moto ibalekele ngaseMhlakulo kuTsolo nekulapho uSajini Mzoxolo Gxothani (41) aphulukene khona nobom bakhe edutyulwa ngabarhanelwa.

Abarhanelwa abakabanjwa. Kuvulwe ityala lokuphanga nelokubulala kwaye uphando luyaqhubeka.

Lowo unokubanolwazi malunga noku, uyabongozwa atsalele amapolisa okanye eze ngaphambili uza kukhuseleka.

UMkomishinala wephondo uLieutenant Liziwe Ntshinga kumshiye othukile oku. Ukwadlulise amazwi ovelwano kusapho lukaGxothani nakwizihlobo nakoogxa bakhe emsebenzini.

“Kusothusile ukubulawa kanje kwepolisa. Izaphulimthetho zifuna ukukhunjuzwa ukuba ukubulawa kwepolisa kufana nokuhlasela umbuso. Oku akusoze kuvunyelwe tu! Abarhanelwa ukubanjwa kwabo baza kujongana nengalo yomthetho,” uvale ngelo uNjengele Ntshinga.