Kubulewe ixhegwazana elityholwa ngobugqwirha

Aphila ubomi bentshontsho amanina elali yaseNtsingizi eXhorha ngeloyika ukubulawa ngenxa yokutyholwa ngokuthakatha.

Oku kulandela emva kokuba kuhlatywe kwabulawa umama onamashumi asixhenxe eminyaka ubudala ngemela etyholwa ngobugqwirha ngabafana ababini bomzi omnye.

Ixhoba uNosithele Nkonyanebomvu ubulewe kwiveki ephelileyo, kwixeshana nje emva kweKrismesi.

Ingxelo edizwe nguceba weWadi ekwenzeke kuyo esi sehlo uPhumzile Melisizwe Makeleni, ithi ixhoba ligetyengwe ilanga lihlabe umhlaba emzini walo lihleli nomyeni walo. Amnye amakhosikazi asinde ngokubaleka, logama amanye esindiswe bubukho boonyana babo emizini yabo.

Abafana abatyatyekwa ngokubulala kubikwa ukuba bavakalise ukudinwa “ngamagqwirha” kwindawo yabo. Batyhola ngelithi uyise wabo wabhubha ngenxa yokuthakathwa.

“Sixhelekile kwaye sibuhlungu sesi simanga sokubulawa kwabantu abadala kuba betyholwa ngokuthakatha. Urhulumente uyithetha umhla nezolo futhi eyikhalimela into yokubulawa kwabantu ngezehlo ezikumila kunje.

“Ngenxa yesi sehlo, amakhosikazi angenabo oonyana okanye amadoda kwizindlu zabo, alala kwimizi enamadoda ngenxa yoloyiko,” utshilo uMakeleni

Esisiganeko asiqaleki kule lali, kunyaka ayisosiganeko ka-2015 bekubulewe ixhegwazana nabazukulwana balo abane betyholwa ngokuthakatha. Noxa kunjalo ibiqaleka eyokubulawa komntu emini.

Esi sibini kubikwa ukuba siso esibuleleyo siselugcinweni lamapolisa.

UMakeleni uthi bebengekahlali phantsi nabahlali kuba ibiselixesha elixakekileyo leKrismesi. Uthi bazakudibanisa iintsapho zamaxhoba kwakunye nabazali baba babuleleyo.

Ukanti iNkosi yendawo uNkos’ uDaluhlanga Mfazwe usikhalimele naye esi sehlo, esithi nabo besebancinci bakhula ikhona into yokurhaneleka koomama ngobugqwirha kodwa zange kwade kwabulawa bantu ngexesha labo ngenxa yalo nto.

“Bayangcungcutheka abantu ngoku abanye babhacile baya ezihlobeni. Aba bafana bayobulala umntu ongumama ebumelwaneni beshiya unina wabo endlini phofu. Esele siyivuyela kukubanjwa kwabo sinqwenela nokuba bangafumani bheyile kuba kwakuphinda kungcungcutheke abantu,” utshilo uMfazwe.

Inkonzo yomngcwabo wexhoba ibingekaziwa okwangoku, njengoko engumntu wekhaya elingathathi ntweni.