Kubulewe ixhegwazana libuya emgidini

AMAPOLISA abambe indoda enamashumi amane anesine ubudala (44) ejongene nezityholo zokubulala ixhegwazana elinamashumi amathandathu anesibhozo (68) ubudala, elinguNopasinjani Nongogo Mpiyonke. UManatha uthi uNopasinjani ugqityelwe ukubonwa ngethuba ephuma kumzi ubunomgidi kwilali yabo kuDumalisile.

UNopasinjani ubonwe ngosuku olulandelayo sele ebhubhile enamanxeba kumzimba ongentla ngakwihlathi elikufutshane nekhaya lakhe. Amapolisa enze uphando aze abamba indoda le inamashumi amane anesine, nebekwe ityala lokubulala.

UmKomishinala wamapolisa ephondweni uNjengele Liziwe Ntshinga, uzikhalimele izenzo ezinje zokudlwengulwa kwanezokubulawa kwabantu abadala nabangakwazi ukuzilwela. UNtshinga ukwancome namapolisa akuGatyane akhawulezise ukubamba umrhanelwa.

INkumanda yamapolisa aseGcuwa, ibongoza abahlali ekubeni bayivale kwangethuba imigidi ngeenzame zokucutha ubundlobongela. Abahlali mabayichaze imigidi yabo kwizikhululo zamapolisa ezikufutshane nabo.

KUSENJANLO:
Kudlwengulwe ixhegwazana elinamashumi asixhenxe anesibini (72) ubudala kwilali yaseNtubeni kuGatyana, eli xhegwazana lihlala lodwa emzini walo.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha, ixhegwazana eli lidlwengulwe ngumfana onamashumi amathathu anesithandathu (36).

UManatha uthi oku kwenzeke phambi kwentsimbi yesibini ekuzeni kusa ngeCawa.

“Ixhoba eli belilele lodwa ngethuba umrhanelwa embonzeleka emnyango engqala ngqo kulo elidlwengula. Akugqiba ukulidlwengula eli xhegwazana uphume wabaleka, kodwa ngethamsanqa ixhoba labe sele limqaphele ukuba ngubani lo umdlwengulayo, kungoko likwazile ukumchaza kubahlali nakumapolisa,” utshilo uManatha.

Ingxelo iqhuba ithi, ixhegwazana lisothule phezulu isikhalo emva kokuphuma kwexhoba, kulapho abahlali baye basabela kwisikhalo ngobuninzi, umrhanelwa wakhangelwa, wabhaqwa, waze wabanjwa. Amapolisa afikile emva kwemizuzu ebizwe ngabahlali wayokuvalelwa umrhanelwa. Umrhanelwa lo uvele kwinkundla yakuGatyana Ityala lakhe limiselwe umhla wesibhozo kweyoMqungu.