Kubulewe omnye unoteksi

Kudutyulwe kwabulawa omnye umqhubi weteksi ngaphandle kwedolophu yaseLibode izolo.

Iingxelo zithi lo mqhubi wesithuthi esiluhlobo lweQuantum ozalwa kwaPayne eMthatha ubesisa abantu eLibode ngethuba ehlaselwa liqela lamadoda angaziwayo.

Akucaci ukuba aba nqevu bebehamba ngantoni kwaye bebebangaphi. Lixhoba lesibini ukubulawa kwezi ntsuku zintathu zidlulileyo kulandela ukubulawa kwelinye eMthatha ngoLwesibini.

Othethela amapolisa kulo mmandla waseMthatha uLieutenant Colonel Mzukisi Fatyela uthi, phakathi kwezinto ezifunyenweyo kwindawo yexhwayelo ngamakhoba amathathu ompu oluhlobo lwe9 mm.

UFatyela uthi basungule iqela elizophanda ezi ziganeko zohlaselwano loonoteksi abasebenzisa umzila wendlela ephakathi kweLibode noMthatha. Igosa lombutho i-Umthatha Taxi Owners Association lithi bakhathazekile lolu gebengo loonoteksi.

“Amapolisa aseLibode ngawo unozala woku, awathathi manyathelo ukusikhusela. Sirhalela kukhutshwe zonke iiteksi kufakwe iibhasi,” litshilo eligosa.