Kubulewe umxolelanisi kumlo woonoteksi

EKAPA: ATSHABALALA amathemba okupheliswa komlo ogqubayo wonoteksi eDelft emva kokubulawa kosihlalo weDelft Taxi Council (DTC) odutyulwe amatyeli asixhenxe wabhubha ngoLwesibini.

UNazeem Daniels oneminyaka engama54 udutyulwe xa egqiba ukupaka iteksi yakhe kuhola wendlela eDelft. Ungunoteksi wesixhenxe ukusweleka kulo mlo kukholelwa ukuba kubangiswana ngendlela phakathi kwabaqhubi beCape Amalgamated Taxi Association (Cata) nabeDTC ogquba kule ngingqi.

Abaziboneleyo bathi uDaniels ebesehlika eteksini yakhe esiya evenkileni phambi kwentsimbi yesixhenxe kusasa ze kwavela iAvanza emhlophe enamadoda amane ngaphakathi yamisa ecaleni kwakhe.

Bathe kwehlike enye indoda yaqonda kuye sele ithulula irhuluwa yamdubula emzimbeni nasebusweni wasweleka kwangoko.

“Bebeqonde kuye ngqo. Akukho namathandabuzo ngaleyo. Kunjalonje ebengakhuthuzwa ngoba akuthathwanganto tu. Nendlela le amdubuleyo ngayo itsho ukuba bekufuneka efile. Abekho abantu abamfuna efile ngaphandle konoteksi beCata. Ingxaki yabo abahambisani nenjongo zakhe zokuzisa uxolo erenkini. Ubesoloko eshumayela uxolo oko waqalayo lo mlo,” utshilo uSive Mndayi, unoteksi weDTC.

Usihlalo weBlue Downs Cluster Community Police Forum, uReggie Maart uthe, uDaniels usweleke kanye ngelixesha ebebila esoma ezama ukusombulula lo mlo uphakathi kweCata neDTC.

“Liduma elingophiyo eli. Ngoyena noteksi ebezama ukuzisa uxolo kulempixano. Kodwa jonga ngoku akekho. Liphelile ithemba lokuba lungaphinda lubekhona uxolo ngoku,” utshilo.

Usihlalo weCata uVictor Wiwi uziphikile izityholo zokuba ubulewe ngonoteksi bombutho wakhe. “Asiyithandi nathi lento yenzeka eDelft. Kudala ndiyithetha into yokuba kukho ababantu basandukuthenga iteksi ngoku bagxobha uzinzo,” utshilo.

Isithethi samapolisa uAndre Traut uthe akuka bikho mntu ubanjiweyo malunga nesisiganeko kwaye akaziwa nonobangela.