Balwela ubomi babo kwisibhedlele sakuCofimvaba, uElizabeth Moses (70), kwakunye nomzukulwana wakhe uShayide (12), emva kokuba betshiswe yirhasi ngobusuku bangoLwesihlanu bekwikhaya labo. Oku kwenzeke kwindawo yaseKuphumleni eTsomo kwawadi 6 nephantsi koMasipala iNtsika Yethu.
Ngokokutsho kwentombi kaElizabeth, uSiziwe (48), encokola nephephandaba I’solezwe lesiXhosa, uthi, kunzima emva ekhayeni, ingqondo isathathiyeka kuba abazazi ukusukela apha bazokwenzanjani nanjengoko kungekho mntu uphangelayo kweli khaya.
USiziwe uthi umama wakhe utshe ubuso, izandla kwakunye nemilenze. Uthi bekusezinzulwini zobusuku besiva kunuka irhasi baphakama nomzukulwana kuba beza kuyikhupha phandle ivumba linganyamezeleki. Uthi ekuphakameni kwabo xa belilayita ikhandlela kwabe sekudwanguza umlilo ngokukhawuleza.
Indlu eyiflethi nebinamagumbi amabini iye yatsha yonke yaphela neempahla ezo zingaphakathi zatsha. UShayide utshelwe yiyunifomu yesikolo kwaneencwadi. Isikolo sakhe yiSonkosi S.S.S.
USiziwe uthi yena akaphangeli kwaye nomama wakhe uMamJwarha uxhomekeke kwimali yendodla, abanamva bengenamphambili kungoko becela amalizo eempahla zendlu, ezokunxiba kuquka nokutya.
Umama esiqwini unxiba usize 40, enyaweni unxiba u5. Umzukulwana yena oyinkwenkwe impahla 12/13 isihlangu ngusize 2 ukuya ku3.
IKhula Community Project EC, ibongoza nabani na onokubanempahla endala okanye angasayisebenzisiyo yendlu (furniture) olule isandla kweli khaya kuquka nezo zinxitywayo, kwanento esiwa phantsi kwempumlo.
USiziwe uthi amagosa oMasipala bekuthiwe aza kutyelela kweli khaya basalindile, nangona nje ngethuba sithetha naye ebesesibhedlele yena eyokubona amaxhoba, umama wakhe nomtshana wakhe.
Abafana Bes’thende babambene neTS Galaxy emdlalweni weBetway Premiership!