Ucela amalizo umama otshelwe ngumzi wonke.
Umama uNombuyiselo Sidiki (52) wakuMpame kwindawo yaseMdakwa eXhorha uthi ukutsha komzi wakhe kwiiveki ezimbini ezidlulileyo akwashiyeka necephe ingathi kusenzeka qho xa elele ngenxa yamathongo amenza abe phakuphaku ebusuku.
USidiki utshelwe ngoorontawuli bakhe ababini, omnye wabo ubusemtsha kraca esandula ukuwufulela ingca ngaphezulu nokuwusamenta logama owesibini ibiyinto yonke kuye kuba iibhedi ezintanthu, iikhabhathi, ukutya, izitya kuquka iimpahla zokunxiba apho kukho neyunifomu yabazukulwana bakhe abathathu ahlala nabo. Esi sehlo senzeka kwinyanga ephelileyo uAgasti ngomhla we21.
Lo mlilo utshise kweli khaya lakwaSidiki, ngumlilo wentlonti owenziwa ngumntu otshise idlelo. Ingxelo ithi umlilo lo unyukele kweli khaya kuba lisekuqaleni kwaye lisenkcochoyini wabe sele ungalawuleki unwenwela kwezinye izindlu.
USidiki uthi naye ukhwazwe ngumakoti wasebummelwaneni bakhe esithi uyatsha umzi kwabe kuqala urontawuli omtsha waphumela kulo bahlala kuwo notshe yonke into.
Umama encokola neli phephandaba uthi akaphangeli kwaye akakayirholi indodla ngenxa yeminyaka yakhe, uxhomekeke kwimali yesibonelelo yaba bazukulwana bakhe bathathu. Uthi okwangoku bancedwa ngabahlali ukuze batye.
“Abahlali bazijule ijacu ngokuthi basiphathele ukutya emizini yabo. Omnye eze nezitya, omnye eze naloo nto akwazi ukusibonelela ngayo. Kubuhlungu, khange ndiyicinge eyokuzibona sele ndikule meko inje. Bekukade kusisa ndihleli. Ngoku ndiyalala kodwa ngoku sendilele ndiphuphe lo mzi wam usitsha kuvele ubuhlungu buqale phantsi,” utshilo uSidiki.
Kungoku nje bahlala kwiflethi esindileyo nebikade ihlala abantu abagxamesayo abakwikhontraktha yokwakhiwa kwebhulorho kula mmandla.
UCeba wala mmandla weANC kuWard 18 nophantsi koMasipala uMbhashe, uLungisa Mahobe, ukukhalimele ukutshiswa kwamadlelo, esithi oku kuye kushiye umonakalo omkhulu emakhaya kuquku neziseko zombane. UMahobe uthi kwiinzame zokulwa nalo mkhwa wokusuka kutshiswe ekuhlaleni, bavula noWhatsApp bengabahlali wekhwelo lemililo.
“Enye into, indawo yethu yindawo enengca kwaye yindawo ekusetyenziswa ukubaswa phandle phantsi xa kuphekwa. Kona siyakhalima ukuba abantu basoloko beqaphele, omnye mhlambi xa ebetshaya avele ajwile nje, zizinto esizikhalimelayo ezo,” utshilo uMahobe.
Uqhube wathi umama uSidiki ngowesihlanu ngoku esongeza kubantu abane ababetshelwe abalindele izindlu nokuncedakala. Uthi iyile iAmathole neSebe lophuhliso loLuntu uyokukroba kwaSidiki.
Ingxelo ithi uMasipala wesiThili iAmathole wafika ngokukhawuleza kweli khaya wathatha imifanekiso neenkcukacha kodwa okwangoku akukabikho ntshukumo usapho lusalindile, njengoko lingenakutya kwaneengubo zokulala kwaneempahla zesikolo zabantwana – ezona zinto ezisabalulekileyo okwangoku.
Abazukulwana baya esikolweni, isikolo sibavumele ukuba baye ngempahla njengoko bengenayo iyunifomu. Ezo bazinxibayo baziphiwa ngabantu belali.
Abazukulwana bafunda eMdakwa J.S.S, omdala una11 wenza uGrade 5, omnye una9 wenza uGrade 3 logama owokugqibela ena8 esenza uGrade 3.
UPetros Majola weKhula Community Development Project EC, uthi uyalilisana nosapho ekwacelisa kwabo bakwaziyo. Uthi okumvuyisayo kukuba isikolo sibamkele abantwana asibakhuphelanga ngaphandle kuba benganayo iyunifomu.
Lowo unokubanawo amandla okunceda ikhaya, nazi iinkcukacha zebanki: Miss N. Sidiki Capitec: 1609812423. Kungenjalo atsalele eli phephandaba I’solezwe lesiXhosa (066 528 5638 / WhatsApp: 066 528 5638).
UMphathiswa wezolimo eMpuma Koloni, uNonceba Kontsiwe kwiiveki ezimbini ezidlulileyo ebebambe indibano noonondaba nalapho ebekhalimela ezi zehlo zokutshiswa kwamadlelo. UKontsiwe uthi esi senzo siye sishiye umonakalo omkhulu kungoko kufuneka sinqandiwe.
Amabhokobhoko ebethe iNew Zealand kwaqina ubunganga bawo embhoxweni wehlabathi