Kucelwa imvula ngendlela yakudala kuNonesi

Azakunyuka
intaba na Nonesi amalungu umbutho we NkolokaNtu Traditional Movement ngeliya
kucenga amanyange noQamata ukuba athulule imvula. Oligosa eliphezulu kulenkolo
uLoyiso Nqevu uthi ukucelwa kwemvula asiyonto yenziwa kuphela xa imvula
ingekhoyo kwa Ntu.”Akulindwa ide inqabe imvula kuluhlu lenkonzo zethu zonyaka
sinaso esi sokucelwa kwemvula ngoko ke le yinto esiyenza minyaka le,”uthethe
watsho uNqevu. Uthi lomhla uzakwandulelwa yinzila ezakubanjwa kumazantsi
alentaba ka Nonesi ukuze ngentseni elandelayo ngomhla weSithathu kunyukwe
kuyiwe kwisivivane esiphezu kwalantaba kucengwe amanyange. ”Silindele zonke
inkokheli zalenkolo amalungu noluntu ngokubanzi ukuba babeyinxalenye yalomsitho
wonyaka kuba ubaluleke kakhulu kwinkolo yethu esoloko idelelwa zezinye inkolo,”utshilo
uNqevu.

 Le ngxelo
ithi inyanga ka Septemba yinyanga ezele iziganeko eziliqela kulenkolo
yakwaNtu. ”Kulenyanga siyacela kumanyange,phaya sizakukhokelwa ngabantwana
abangazange badibane nandoda, baze banikele kwinkokheli zamagqirha nabantu
abadala, xa kufikwa phaya sizakwenza isangqa sicula ingoma zesiNtu,”utshilo
uNqevu. Uhambisa athi bazakugunyazisa abantu abathile abakhethwe sisizwe ukuba
banqule becela imvula,ingxaki zokuhla nengxaki ezingamanina namakhosikazi
nentlalo ngokubanzi. ”Siye sitshize ngentelezi,sixhele ibhokhwe ukuze kamva
lobhokhwe leyo  ichutywe ngamalungu
ahlukileyo, enye indoda itshise isibindi ithetha, enye isitshe amathumbu icela,
enye itshise enye indawo njalo njalo bonke bethandaza,”ucacise watsho uNqevu.

 Ekuqaleni
konyaka olandelayo abantu balenkolo baye baqhube umsitho wokubulela izinto
ezilinyiweyo ngokunyuka kwakulentaba ka Nonesi.”Siphindela phaya ngo Matshi
sibulela isivuno, siye siphethe umbona omtsha,amathanga nentyabontyi, nazo
siyazitshisa sibulela isivuno esithembisayo,”utsho uNqevu.