Kucetywa uqoqosho ngamaxhalanga aseDutywa

Umasipala waseMbhashe uceba ukuphuhlisa uqoqosho lwale ndawo ngamaxhalanga akuMsikithi

ILIWA elihlala amaxhalanga kwilali yakuMsikithi eDutywa lingajika libeyindawo exhamlisa abahlali bale ndawo ngezoqoqosho ukuba izithembiso zikarhulumente zingafezekiswa.

Ngokomthombo wombutho okhathalela iintaka, iBirdLife International, la maxhalanga sele ehleli kweli liwa lakuMsikithi into engangeminyaka elikhulu elinamashumi amabini anesithandathu (126) nanjengoko eqikelelwa ukuba aqale ukubonwa kule ndawo ngo1890.

Kweli liwa lakuMsikithi ke, kulapho la maxhalanga abonakalisa ubunganga futhi izazi zikwathi le yindawo apho azibona ekhuselekile kuyo. Kule ndawo, kukwalapho azalela futhi aqandusele khona.

Ongumanejala kwisebe lezendalo kwingingqi yaseAmathole uBriant Bhongo Noncembu uthi kunyaka ophelileyo amaxhalanga kule lali ebebalelwa ku-336. Enyukile kulo nyaka nanjengoko eku-421.

Kwimimandla yeli leMpuma Koloni, amaxhalanga aziwa ngokutya amahashe afileyo. Umzekelo ihashe lifa namhlanje, emva kweentsuku ezimbini abe sele ekhona eyokulitya.

Iingcali zithi unobangela woku, kukuba amaxhalanga anesakhono sokuva ivumba nokuba akude. Kuthwa ayakwazi ukuba ivumba nokuba kusesibhakabhakeni, emva koko alandele umkhondo lowo wevumba.

Amaxhalanga anceda ngokugcina indalo icocekile, kuba atya inyama yezilwanyana ezifileyo. Ngokweengcali, amaxhalanga anencindi (acid) yokunqanda ukuqunjelwa yinyama leyo indala ayityayo.

Ngokomtsalane nembali yeli liwa lakuMsikithi, iinzululwazi eziphuma kwiiyunivesithi zaseMzantsi Afrika zityelela kule ndawo ukuza kwenza uphando ngala maxhalanga. Maxa wambi abanye abeLungu beza kule ndawo ukuza kuwabuka kuphela la maxhalanga.

Ngenxa yokubona umthamo weenzululwazi ezityelela le ndawo, abantu bakuMsikithi bagqiba kwelokucela umasipala waseMbhashe ukuba ubacacisele ngokubaluleka kwala maxhalanga.

Ngenene umasipala waseMbhashe ulisabele ikhwelo labahlali, wazeka mzekweni kwiphulo lehlabathi (International Vulture Awareness Day). Rhoqo ngoMgqibelo wokuqala kweyoMsintsi, ihlabathi liye liqaphele usuku lokufundisa abantu ngokubaluleka nokukokoswa kwamaxhalanga.

Umasipala waseMbhashe uliqaphele ekuthambekeni kwenyanga ephelileyo olusuku, kumsitho obubanjelwe eSundwana eDutywa.

Inkxalabo yabathandi bendalo kukuba amaxhalanga, ngokufana twatse neentsikizi, ayaphela ehlabathini. Yiyo le nto abantu befundiswa ukuba mabawakhusele endaweni yokuwahlasela okanye bawatyise ngetyhefu. Ngokomgqaliselo wabathandi bendalo wonyaka ophelileyo, amaxhalanga ziintaka ezifanelwe ukukhuselwa.

Igosa lezokhenketho kwicandelo lophuhliso lwezoqoqosho eMbhashe uMbeko Sibaca uthi kuninzi okucetywayo ngabasemagunyeni ukuguqula le ndawo inembali yakuMsikithi, ibe yindawo ezakuxhamlisa uluntu lwale ndawo.

Ngunyaka wesibini lo, umasipala waseMbhashe ubamba umsitho wokufundisa abantu ngokubaluleka kokukokoswa kwamaxhalanga.

“Umba ophantsi kweengxoxo ngoku, kukuba kubiyelwe iliwa lalamaxhalanga ngocingo ngeenjongo zokuwakhusela, khon’ ukuze kubekho umyezo onakuxhamlisa abantu bale ndawo ngengeniso,” utshilo uSibaca.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za