Kucholwe umzimba ungamathambo eGcuwa!

Amapolisa aseGcuwa athi awanabungqina okwangoku ukuba umzimba ocholwe kude kufuphi necawe iButterworth Christian Centre ngokaMlondolozi Solombela owalahleka kunyaka ophelileyo esiya emsebenzini kwisibhedlele saseMadwaleni Hospital eXhorha.
Umsebenzi womasipala waseMnquma eGcuwa obeqhuba uganda-ganda ecoca izitalato ubhaqe umzimba womntu oswelekileyo ngakwiCawe iChristian Centre ngentseni yanamhlanje.
Nangona umzimba ububonakala sele wonakele kakhulu njengoko ibingamathambo, kodwa impahla ibisabonakala.
Ngokwengxelo yamapolisa, usapho lakwaSolombela luze ngaphambili lusithi amathambo ngawonyana walo, kodwa amapolisa asafuna ukuqinisekisa ngokuthi kwenziwe uvavanyo lweDNA kumzimba.
Isithethi samaPolisa aseGcuwa uKhapteni Jackson Manatha , uthi baza kwenza iDNA ukuqinisekisa ukuba amathambo acholwe ngakwindlela eya eExtension 6 ngawalo mfana walahleka esiya esibhedlele eXhorha.
“Nangona usapho lakwaSolombela lusithi ngamathambo onyana walo la acholwe kule ndlela iya eExtension 6, kodwa sakuqinisekisa oko ngokuthi kwenziwe iDNA” kutsho uManatha.
Ngokwendlela obebonakala ngayo lo mzimba intloko ibisele yonakele kwaye imilenze namanye amalungu omzimba ingamathambo, nangona impahla ibisabonakala yona.
Amapolisa avule ityala malunga nokucholwa kwalo mzimba.