Kucholwe usana luneyure luzelwe!

Obhaqe usana oluyinkwenkwe oluneyure kuphela luzelwe kumasango ekliniki yaseBika eGcuwa, uthi ide yazintsuku zilandelelana engalali ngenxa yombono olusizi awubonileyo wosana olulahlwe luphila. Le mveku ibhaqwe ngomhla wesithathu kwiveki ephelileyo emva kwentsimbi yesine, ibhaqwa ngunogada wekliniki.

Uthi ebesa zizulela kumasango ecoca ngethuba ebona ibhayi ecinga ukuba lilityelwe ngumdlezana obesekliniki.

“Ndithe ndakubona ibhayi ndalikhaba ndisithi inokuba lishiywe ngumntu ebezise umntwana, xa ndilikhaba ndeva kusinda kwaye kukho into enyakazayo. Ndaqalisa ukoyika, xa ndityhila lusana okubonakalayo ukuba luseneyure luzelwe kuba alikahlanjwa, linegazi. Andikhange ndiphinde ndilunge oko ndithe ndabona olo sizi,” utshilo oziboneleyo.

Uthi emva koko omnye wamanesi onemoto, uncame wasebenzisa imoto yakhe esisa usana kwisibhedlele saseGcuwa akuba amapolisa aseMsobomvu engafikanga ekliniki emva kokuwatsalela.

Uthi ibuhlungu le into yenzekileyo. Usana olu lubhaqwe lunephetshana elibhaliweyo ecaleni kwalo.

Esi ayisosiganeko sokuqala sokulahlwa kosana eGcuwa ingakumbi kwilokishi yaseBika.

Kunyaka ophelileyo kweyoKwindla kwabhaqwa usana luphila lunyengezwe kude kufuphi nekhampasi yaseWalter Sisulu.

Ngokwengxelo kaKapteni Jackson Manatha, usana olu labhaqwa yindoda eyayoluse iinkomo, yaze yabiza abafundi ukuba bayijongise kanti lusana. Usana lathathwa lagcinwa kwisibhedlele saseGcuwa.

Ukanti eBhayi kwilokishi yaKwaDwesi, kwafunyanwa usana oluneentsuku ezintathu lizelwe ligqunyelelwe ngomhlaba ngunina walo kodwa lisaphila ngeenjongo zokuzama ukulibulala.

Le mveku yabhaqwa ngabantwana ababe zidlalela ngakwindawo leyo yayigqunyelelwe kuyo.

Ingxelo kaKapteni Andre Beetge yadiza ukuba abantwana beva ngesikhalo sosana, xa bekroba bafika iyimveku ishukuma phantsi komhlaba.

Loo mveku yathathwa yasiwa kugcino kwisibhedlele saseDora Nginza. Oku kwenzeka kwinyanga yoMnga kunyaka ophelileyo.